Uncedo kumaxhoba omlilo

Usomashishini uMandla Makinana uzakuncedisa kumngcwabo wamaxhoba amahlanu akwaGijana kuCofimvaba athe atsha abhubha.

La maxhoba, unina neentsana zakhe ezine kwiiveki ezimbini ezidlulileyo eOrange Groove ngaseWestBank eMonti, angcwatywa namhlanje kuCofimvaba.

UMakinana uzakuncedisa ngeebhokisi zokuthwala imizimba yomihlanu yamaxhoba, kwaye nosodolphu waseBCM * -Alfred Mtsi uthembisile ngethuba ebekwinkonzo yesikhumbuzo sala maxhoba eWestBank ngoLwesithathu ukuba bazakufaka isandla kolu sapho bengumasipala ekuncediseni ikhaya lamaxhoba njengoko lungathathintweni.

Umngcwabo uyaqhuba namhlanje.