Uncedo kwabakhulelweyo eHamburg

Ukuhamba umgama omde kumakhosikazi akhulelweyo ngaphambi kokufumana uncedo kuko ekwakhokelela kwisigqibo esathathwa nguNomvula Gxaka nowathi wavula indawo apho abasetyhini abakhulelweyo bazakuthi bancedwe khona.

UGxaka, umhlali waseHamburg eNgqushwa, unceda uluntu lwale ndawo simahla nalapho athi abelekise abo bakhulelweyo kwaye ngethuba lingekafiki ixesha lokuba umntu abeleke uhamba kule ndawo ade ayobeleka.

IBusfare Babies Birth Centre yathi yavulwa ngonyaka ka2010 emva kokuba abanye abantu balahlekelwa ngabantwana kuba mde umgama wokusuka eHamburg usiya kwidolophu yaseNgqushwa.

Le ndawo ngethuba ivulwa abo bakhulelweyo babehlawula imali eyi-R150 nebincedisa ekuthungeni izinto zomntwana xa sele ebelekiwe.

Kodwa ngenxa yokuba injongo kaGxaka yayikukunceda uluntu lwale ndawo, nangenxa yokuba uninzi beluye lungabinayo le mali, kwanyanzeleka ukuba iBusfare iyeke ukuhlawulisa abantu nekungokunje bancedwa simahla.

Ebalisa uGxaka uthi lo msebenzi uwenza ngokuncedisana noKaran Clark oyiMidwife (umbelekisi) nalapho avakalise ukuba xa benokufumana indawo eyeyabo izinto zingangcono nangakumbi nanjengoko le bayisebenzisa ngoku ingeyoyabo, bathi babhatale irenti, kwaye bebengavuya xa benokwengezwa nangezinye izinto zokusebenza.

UGxaka uthi bangaphaya kwamakhulu amahlanu (500) abantwana asele bezalelwe kule ndawo. Lo kaGxaka ukwathe basenza simahla kuba befuna ukunceda uluntu nanjengoko kungekho mvuzo bawamkelayo ngale nto bayenzayo.

Ukwavakalise ukuba emva kokuba bembelekisile umntu abamyeki nje nanjengoko baye baqhubeke bamhambele apho ahlala khona ukujonga ukuba uqhuba kakuhle na nosana olo lwakhe.

Udileka Mapuma nongomnye wabo bathi bancedwa yile ndawo uthe, impatho intle kakhulu kwaye wafumana konke ukunakwa okudingwa ngulowo ukhulelweyo,watsho esithi enye into emnandi akugcwali njengasezibhedlele. “Ndabelekiswa kakuhle kakhulu kwaye umntwana mdala ngoku.”