Uncedo kwabatshelwe likhaya

Usapho lakwaNgalo kwindawo yaseRode eMount Coke, ngethuba litshelwa likhaya ngosuku lwePasika kwinyanga ephelileyo, ithemba laliphelile kulo, kodwa amapolisa aseCambrigde eMonti alibuyisa elo themba.

Oku kuza emva kokuba igqiza laseCambridge lamapolisa, likhokelwa yiNkumanda yawo uBrigadier Pumla Mdlankomo, kwakunye nebandla iJesus The Answer Ministries phantsi kolawulo lukaBishop Mandla Makubalo, bathe bathenga impahla yendlu yangaphakathi kwaneepasile zokutya, kuthengelwa eli khaya.

Ukutsha kweli khaya kwashiya usapho lungenayo nantoni, luphelele kwezo zisesiqwini kuphela iimpahla.

Aba batyelele kweli khaya babona le ntlungu yolu sapho kuFacebook, nekulapho baqala ukucela amalizo kwabanako.

UBishop Makubalo uthe: “Emva kokubona kwethu le ntlungu kuFacebook, silibandla sagqiba ekubeni sityelele eli khaya kwakunye namapolisa njengoko sele sibambisene nawo kweli phulo,” utshilo uMakubalo.

UBrigadier Mdlankomo womeleze olu sapho esithi maluqine kwaye lube nethemba, olu ibiluvavanyo oluzokulomeleza.

Olu sapho luxhamlileyo lakwaNgalo lubulele ngesi senzo kuBrigadier Mdlankomo, kuMakubalo kwanakumntu wonke odlale indima ekuncedeni.

“Brigadier, Bishop nani SAPS ndinqwenela ukuba oku nisenzele kona sileli khaya, ningakwenza nakumanye amakhaya akwiingxaki ezinje ngezi,” utshilo uNtombizanele Ngalo.