Uncedo kwisibini ebesitsala nzima

Usodolophu waseNgquza undwendwele usapho lwakwaNtsumpula kuHombe eLusikisiki emva kokuba lucele uncedo umfanekiso: Buziwe Nocuze

Ibeyimincili yodwa kubahlali nakusapho lakwaNtsumpula kwilali yaseLusikisiki kuHombe ngethuba kufika usodolophu kweli khaya.

Sele endwendwela eli khaya nje uBambezakhe Goya kulandela ukubona abafana ababini bakwaNtsumpula kumakhasi onxibelelwano nalapho bebecelelwa khona amalizo.

Olu sapho, neyingabafana ababini abaphakathi kweminyaka elishumi elinesithoba (19) kunye namashumi amabini (20) ubudala baphila phantsi kwemeko embi nenzima kakhulu nanjengoko bebexhomekeke koomakhelwane ukuze balale betyile.

Lo kaGoya uxelele olu sapho ukuba beyiAfrican National Congress badane kakhulu emva kokufumanisa ngemeko yeli khaya kumakhasi onxibelelwano.

“Le meko ndiyibona apha imbi kakhulu kwaye umnqweno wethu kukuba kungabikho namnye umntu ohlala phantsi kwale meko, yilo nto siza kuqinisekisa ukuba siyayiphakamela ukuqinisekisa ukuba bafumana uncedo,” utshilo uGoya.

Uqhube wathi into ayithanda kakhulu ngesi sibini kukuba sifuna ukubuyela esikolweni.

“Ndivuye kakhulu ndakuva ukuba umnqweno wenu kukuqhubeka nesikolo kuba imfundo ibaluleke kakhulu kwaye yenye yezinto eza kunikhupha kule ngxaki nikuyo, ze ningathi nakufumana uncedo nihlale koko ze nisebenze ngamandla esikolweni ningabaphoxi abantu abanincedileyo nabo baseza kuninceda,” utshilo uGoya.

Watsho ebulela indlela abahlali ingakumbi oomakhelwane abathe baxhasa ngayo olu sapho.

“Bathatheni njengabantwana benu nibakhulise kuba akekho omnye umntu oza kwenza lo nto ngaphandle kwenu, nibabonise xa nibona ukuba abenzi kakuhle,” utshilo uGoya.

UThabile General Mtolo nobesuka kwisebe lakwaHuman Settlements uthe nanjengoko bezile kweli khaya bayibona imeko eliphila phantsi kwayo, baza kuhamba ze babuye emva kweentsuku ezintlanu nalapho baza kube becacisa ngeyona nto iza kwenzeka.

“Nanjengoko sizile sabona siza kuhamba ke ze sibuye sixelele uceba ingxelo malunga nento eza kuthi yenziwe,” utshilo uMtolo.

UPhilasande Ntsumpula nongunyana omdala kweli khaya uxelele I’solezwe ukuba yena nomninawa wakhe uKhaya baswelekelwa ngutata wabo ngo2018.

“Umama asimazi apho akhoyo kodwa ndandikhe ndayiva into ethi useThekwini.

“Nangethuba utata esaphila sasitsala nzima kakhulu kwaye sasiphila ngamabona ndenzile,” utshilo uNtsumpula.

Uqhube wathi bayathemba ukuba ukunyathela kukasodolophu kunye namagosa akwaHuman Settlements kuza kwenza umohluko omkhulu.

“Siyabulela kakhulu kubantu esele besincedile kuquka noomakhelwane ekudala sicela kubo kuba besingenanto yokutya.”

Isebe lakwaSocial Development likuzisile ukutya kweli khaya logama uNana Qokolweni nongumnikazi weItalian Tavern eDelft eKapa kunye noZandile Kente waseTinarha, noxelenga eMonti, bethumele imali kwesi sibini ukuze sikwazi ukuthenga iyunifom.

Abafumananga ezi zinto nje kuphela nanjengoko bethathwe ngulowo wayesakuba nguceba wakwaWard 20 uPhazamile Ngxamile wayokubathengela impahla zokunxiba kuba kaloku esi sibini akukho nto besinayo.

sithandiwe.velaphi@inl.co.za