Uncedo kwisicathamiya sedolophu yaseCala

Liwelwe ngumqa esandleni iqela lesicathacamiya eCala.

Emva kweminyaka engamashumi amathathu anesithathu lasekwayo iqela lesicathamiya laseCala, iCala Singer Boys yenzelwe imfesane ngGgqirha Lonwabo Mateta oyinzalelwane yaseCala.

Oku kuza emva kokuba uGqirha Mateta onothotho lwamaziko empilo abucala eSada naseCala ethe wathi jize eli qela ngomakufanwe okudidi oluphezulu okokuqala ngqa kweli qela loompondo-zihlanjiwe kumculo wesicathamiya.

Kudliwano ndlebe nephepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa kwiziko lakwa-Dr Mateta Surgery eCala, lo gqirha uthe: “Ndiyinzalelwane yalapha eCala, iCala Singer Boys yasekwa ngomnyaka ka1983 kwaye nam ndikhula ndilibona eli qela kwakubakhuluwa bam.

“ Ndathi ndakuvula eli ziko lezempilo labucala apha eCala ndaqwalasela izinto ekumele ndizixhase ngokufaka isandla kuzo. ICala Singer Boys ithe ifika kum ndabe sendiyazi ukuba yinto kakade ekudala ndarhalela ukuyenza nanjengoko ndikholelwa kuphuhliso lolutsha.”

UMaliphathwe Nophothe nongusihlalo weCala Singer Boys uqhwabele izandla lo gqirha.

“Siyabulela kakhulu kuGqirha Mateta ekunye nomnumzana uLoyiso Kasana ngokukholelwa kuthi. Mna ndizimanye neli qela ngomnyaka ka2002 ndisuka kwiqela iSinethemba Gospel Choir, kwaye apha kweli qela sigxile ikakhulu kumculo wesicathamiya. Sinawo amacwecwe kunye neDVD ngenxa kaMnumzana uKasana.

ICala Singer Boys inamalungu alishumi elinesihlanu ewonke. Kwaye licula kwimitshato, kwimingcwabo uyokuma kwiiKhonsathi zomculo. I- Cala Singer Boys ithi isingise kwizinga elifana nqwa neleBlack Mambazo yodumo.

Amalungu eli qela aquka uSipho Kulasi, uLuvo Fude, uBulelani Mhlaba kunye nonobhala weqela uMelikhaya Boya ukubala nje abambalwa.

“Umyalezo wam kulutsha kukuba sibuyele kwizinto ezifana neekonsathi ukuze sifuthelane siveze izakhono zethu kuba imisebenzi ayikho.

” utsho uBoya.