Uncumo belubhalwe ebusweni kwabo bangathathi ntweni eMonti, ngethuba iButch Enanamandla Foundation inikezela izipho kwiphulo layo lokunceda uluntu, kwimpelaveki ephelileyo.
Lo mbutho ongenzi nzuzo, wathi wasungulwa nguSiviwe Anda Mhambi, ngonyaka ka2020, ngeenjoongo zokunceda abangathathi ntweni.
IButch Enamandla Foundation ityelele iindawo ezifana neBuffalo Flats, eMdantsane, kwakunye neSouthernwood, nalapho ibinikezela ngezipho. Ziipads ezingaphezulu kwamashumi ashixhenxe ekunikezelwe ngazo, izimuncu-muncu, izipho zokudlala zabantwana, kwanokusiwa phantsi kwempumlo.
“Ndichulumancile kakhulu ngoba usuku lube yimpumelelo, nangona imozulu iye yasiphoxa, kwanezinye izinto ezincinane, nesithe kamva sakwazi ukuzilungisa. Sikwazile ukunikela ngako konke ebesikuphethe ngolu suku,” utshilo uSiviwe.
Abo bathe baxhamla kweli phulo baquka abo bangathathi ntweni, abavuka kusasa baye kwenza imisebenzana engephi ukuze babeke ukutya etafileni, abantwana, kwanabo bahlala ezitalatweni.
“Ukubona uncumo ingakumbi ebantwaneni, kundenza ndonwabe koko kuncinane sibanika kona. Kaloku hayi wonke umntwana ukhula efumana konke akunqwenelayo ebomini, ngako oko ndiyonwaba xa ndifezekisa amaphupha abanye abantu,” wongeze ngelo uSiviwe.
USiviwe ukwabulele abo bathe bayinxalenye yeli phulo ukuze usuku lube yimpumelelo.
Lo mbutho uzimisele ukuqhuba nephulo lawo, nanjengoko ngoku uceba ukutyelela izikolo ezibini eMdantsane, nalapho ithemba lawo ikukuzisa inguqu ngezipho kubafundi.
Kungoku nje, lo mbutho ulungiselela umsitho wokusekwa kwawo ngokusesikweni kwinyanga ezayo, uOktobha. Ukanti ngosuku olo, lo mbutho uthembisa ulonwabo kuluntu oluya kuba yinxalenye yoku.
Nabani na ofuna ukufaka isandla kweli phulo lokunceda uluntu, ngokunikezela ngeempahla, kunye neepads, angaqhakamshelana noSiviwe kuFacebook (Butch Enamandla Foundation), okanye umbhalele imeyile: butchenamandla@gmail.com, okanye umtsalele umnxeba kwinombolo yakhe ethi: 065 623 4109.
Lumka Oliphant: ‘Yekani utywala’