Nangona isisehlo esibuhlungu esokushiywa ngumntwana kungabhungisanga kodwa iphinde yajika yabaluncumo kusapho lakwaMdlangazi, kuNomadolo eNgqeleni emva kwenkxaso emangalisayo yoluntu oluthe lazijula ijacu lunceda kuba lubona imeko embi yekhaya lakwaMdlangazi.
UMama weli khaya uNobonke Mdlangazi nongumama kaKhanyisa intwazana etshone yarhaxwa yabhubha kwizantyalantyala zemvula ngethuba iwela isiya esikolweni kwiiveki ezimbini ezidlulileyo, kumxolisile kwamncumisa okuthe kwenziwa luluntu nanjengoko ebengazi nokuba uyakuqala ngaphi ukungcwaba intombazana yakhe. Ikhaya eli alithathintweni kuba akukhomntu uphangelayo, utata wekhaya ebesele enenyanga ezintathu kuphela erhola udanki kwaye imali isenza iingxaki zekhaya.
UKhanyisa (17), nobesenza uGrade11 ePhangalele High, wayehamba nomnye umfundi oyinkwenkwe ngethuba erhaxwa nowaye yena wasinda kuba ekwazi ukudada, mfundi lowo athi naye wazama ukuhlangula uKhanyisa kodwa wabona ukuba naye uzakutshona oyisakale.
Othethela ilungu losapho lakwaMdlangazi uMcebisi Cona, uthi noko akusafani nakuqala baxolile kuba babulela ukufumaneka komzimba womntwana wabo, kuba umama womntwana ibiyeyonanto ibimxhela umphefumlo ngamandla xa uluntu lubuya lubeleke izandla ngasemva engade afumaneke umntwana wakhe. Umfundi ufumaneke kumlambo owaziwa ngokuba yiMdumbi, onzakele entloko naseligxeni.
“Inkxaso esiyifumene eluntwini ayinakulinganiswa nanto. Ukulahleka komntwana wethu bayithathe bayenza eyabo yangulo wangena kwizihlangu zosapho bezijule ijacu. Cinga iiveki ezimbini zonke kukhangelwa kubuywa nelizwe kodwa kunjalo khange lutyhafe uluntu into ebonakalise ubuntu, uthando nenkxaso. Lo nto ide yasenza saxola nathi ezintliziyweni ngenxa yobona kungena kuphuma kwanoRhulumente, nemibutho ezimeleyo efana noSocial Change,” utshilo uCona.
UCona uqhube wathi uluntu belusiza nokutya, lukhupha emizini yalo ekubeni kutyiwe ngabantu abayokukhangela umntwana emlanjeni.
UCeba kawadi 25 wala mmandla uLumkile Tshatshela nozibonakalise njengenkokheli kusapho nakuluntu njengoko abathethe neliphephandaba I’solezwe bemqhwabele izandla ngendima ayidlalileyo, uthi mhla angenayo wazibophelela ukuba uyakuba ngumzekelo kooceba abaninzi, asebenzele uluntu njengoko enyulwe lulo ekubeni abeyinkokheli yalo.
“Abantu esibakhokelayo ngabantu abangafaniyo, hayi bonke banento kengoko thina sonyuliweyo kukuba singene kweso sithuba kwabo bangenanto. Ukuvela noba awuphethanga nto kuninka nje ithemba kulowo ungxwelerhekileyo. Okwakusondela sikhale nabo kunika ithemba,” utshilo uTshatshela.
UTshatshela, uthi, iSebe lezeMfundo eMpuma Koloni, uSassa, ooSomashishini, iO.R.Tambo noluntu sele ludlale indama enkulu ngokuthi lufake isandla kumalungiselelo omngcwabo.
ISocial Change nengumbutho ozimeleyo kula mmandla osebenzisana nezikolo zala mmandla ngeenjongo zokuphuhlisa kwanokuxhobisa abafundi nekhokelwa nguNtombethemba Ndinisa-Ndesi, nayo ingenelele ngokuxhoma kumakhasi onxibelelwano icela inkxaso kuncediswe ikhaya malunga namalungiselelo omngcwabo womntwana njengoko lingathathintweni.
OnguManeja uNtombentsha Gwayi uthi oko bethe baxhoma becela uncedo ibisele imithathu imizi yabangcwabi ezinikeleyo ukungcwaba mahala umntwana.
UGwayi uthi loo R10 unayo nomnye anayo iyawenza umohluko omkhulu kongenayo kwa ukubanayo. Uthi emva kokubona imeko yosapho baye baqalisa nephulo lokucela iR10 eluntwini ngeenzame zokuncedisana nekhaya lomntwana.
Uthi uyayibulela inkxaso engummangaliso abayifumeneyo kwaye nomntwana uzakungcwatywa ngesidima.
UKhanyisa uyancwatywa kule mpela veki kowabo kuNomadolo.
Nazi inkcukacha zebhanki wena unomdla yokuncedisa ngeyakho iR10 kolu sapho njengoko iyakuthi yenze umohluko: CAPITEC K. MDLANGAZI 1297790704.
Ixhwele laseKZN noonyana balo ababulala indoda baza kufaka isicelo sebheyile