Uncumo kubathungi abakhethwe kwiBuyel’ Ekhaya Fashion Show

Abafundi abalishumi baseWSU abenza izifundo zokuvelisa iimpahla bebonisa isakhono kwiBuyel Ekhaya Fashion ShowUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Okundenze ndabe ndingomnye wabafundi abathe bachongwa kwabo baza kuthi baqeqeshwe iiveki ezimbini eGoli, endingakutsho ibe kukuzimisela, ukuzinikela kwanokuthanda umsebenzi wam.” Lowo nguLindokuhle Mdunjelwa, 27, waseHarding KwaZulu Natal nowenza unyaka wakhe wokugqibela kwizifundo zokuThunga eWalter Sisulu eMonti.

UMdunjelwa ukwishumi labafundi abaza kuthi baqeqeshwe iiveki ezimbini beqeqeshwa ngowaziwayo ekuveliseni impahla zefashoni kweli uPalesa Mokubung weMantsho Labels nobe ngowokuqala ontsundu ukufaka impahla zakhe zesiNtu kwivenkile uH&M kulo nyaka.

Eli shumi labafundi bakhethwe kwinginginya yabanye abafundi abe bengapha kwamashumi amathandathu ngethuba iBuyel’Ekhaya Fashion Showcase Programme

iqhuba uqeqesho lweentsuku ezimbini kubafundi abenza izifundo zokuthunga eMiriam Makeba eMonti kwiveki ephelileyo.

UThobile Gcaleka, 24, welokishi yaseVulli Valley eGcuwa naye obe nenyhweba yokuchongwa uthi zange imfikele nakanye into yokuba abantu baza kuthini xa ekwicandelo lokuthunga eyindoda.

Uthi ezi ntsuku baza kuthi bazichithe eGoli kuye ayizukuba yindlalo uza kufunxa ulwazi kangangoko. Uthi elakhe iphupha kukuba xa egqibile azivulele eyakhe indawo yeempahla. “Ndiza kubaphantsi komntu iinyanga zibe mbalwa kodwa emva koko iphupha kukuzimela ndiziphathe,” utshilo uGcaleka.

Aba bafundi bathi okubaphumelelisileyo kukuthanda ukusebenza ngezandla zabo kuphela.

UMokubung uthe ukubaphakathi kwabafundi abanxanelwe ulwazi kumonwabisile. Esithi nangona nje eli xesha aza kulichitha naba bafundi alonelanga kodwa uza kuqinisekisa ukuba babuya kukhona abakuvunileyo kuhambo lwabo. UPalesa ukhuthaze abafundi esithi akukho lula kweli candelo koko kukuzazi ukuba ufuna ntoni.

Umsunguli womnyhadala weBuyel’Ekhaya uNomahlubi Mazwai uthi benza ngako konke ukukhulisa iphondo leMpuma Koloni kwanokususa ulutsha kwizenzo zeziyobisi.

UMazwai uthi eli phondo linawo amandla kwakunye netalente koko lidinga ukuphuhla.

IBuyel’Ekhaya Fashion Show yona iza kube ingena kunyaka wayo wesine iqhuba.