Uncuthu loluncwadi kumnyhadala wabantwana

UMadoda Ndlakuse ebalisa futhi esenza nemidlalo kwiqela labantwana besikolo samabanga aphantsi iNtaba Maria eMakhanda nyakenye UMFANEKISO: ELUGCINWENI

UKUBALISELWA kwabantwana uluncwadi lwesiXhosa, ukuboniswa kokubaluleka kokufundiswa koonomngqushwana ngeli lixa bedlala, utyelelo kwithala leencwadi lwabangaboniyo, nokunye okuninzi.

Oku kuqulathwe kwiAmazwi Puku Story Festival eqala namhlanje (Lwesine) eMakhanda de kube ngoMgqibelo. Lo mnyhadala uqale ngonyaka ka2013 kwaye uyakhula umdla wawo minyaka le. I’solezwe lesiXhosa ngomnye wabalingane bezopapasho kulo mnyhadala.

“Umdla ukhona kwaye mkhulu. Inqabile iminyhadala egxile ebantwaneni, iphinde igxile esiXhoseni.

“Ngaphambili lo mnyhadala ubusaya kubiza oompondozihlanjiwe kuluncwadi abaquka oomam’ uSindiwe Magona, Gcina Mhlophe nabanye. Ingxaki eye yakho kukuba iPuku Foundation, abasunguli bomnyhadala, baye bancitshelwa yinkxasomali ze babuya umva.

“Thina ke siyiAmazwi emva kokuba siqaphele lo mngeni, singenzi nzuzo sinjalo, sabona ukuba isibane sePuku Story Festival asinakusiyeka sicime,” utshilo uZongezile Matshoba, umanejala weenkqubo zezemfundo nezikawonkewonke kwiAmazwi South African Museum of Literature, iArhente yeSebe lezobuGcisa neNkcubeko.

Eminye imingeni yomnyhadala kukungafikeleli kwiMpuma Koloni yonke kwanokunqongophala kweentsiba zokusondeza abo bantwana bangqonge iMakhanda.

UMatshoba uthi abantwana abaza kuba yinxalenye nalo mnyhadala mabalindele ukuboniswa ukuba lisetyenziswa njani na ithala leencwadi lwabangaboniyo.

“Okunye ke kukugxila ekubaliseleni abantwana amabali ngeendlela ngeendlela. Siza kube sinalo nocweyo lokugqamisa ukubaluleka koluncwadi lwesiXhosa. Umzekelo siza kube sinaye uMadoda Ndlakuse uza kube ebonisa abazali ukubaluleka kwemfundiso yamabali ngeli lixa bedlala abantwana.

“Sinaye umbhali uNandipha Nomsobo oseJapan, nopapashe incwadi ethi Katana Katana. Uza kube engekho yena kodwa siza kube siyazisa ngokusesikweni incwadi yakhe,” utshilo uMatshoba, esithi uphengululo nohlalutyo lweencwadi kwiphephandaba I’solezwe lesiXhosa luza kubekwa elubala kulo mnyhadala nanjengoko iliqonga lokunceda ababhali besiXhosa.

UMatshoba ukwathe kuza kuvulwa iqonga phakathi kootitshala nabafundi ukuze kuxoxwe ngemiba abajamelene nayo mayelana noluncwadi lwesiXhosa.

“Kulo nyaka isihloko sithi Hlwayel’ imbewu, apho sikhuthaza abafundi ukuba bangapheleli esikolweni ukufunda iincwadi zesiXhosa, koko bazifunde nasekhaya,” kutsho uMatshoba.

Amanye wamatshantliziyo woluncwadi aza kuthabatha inxaxheba kulo mnyhadala aquka uSimphiwe Nolutshungu, Ngcali Xhegwana, Cebo Solombela, Hluma Zakaza, Siphelele Nqontsonqa Dyongman, Babalwa Kona, Dudu Saki kwanoSithembele Xhegwana.