Wakhiwa ngantoni umtshato wakho ? loo nto uyifakileyo uza kutya wonwabele yona. Qaphela izithako ononga noxova ngazo umtshato wakho.
Ikeyiki yomtshato inentsikelelo enkulu, kungoko kumele okokuba ibekho ngelixa ababini bemanywa. Into nganye ekuyo inentsingiselo ebalulekileyo kakhulu.
Intle-ubuhle bayo bungumfuziselo wobuhle bomtshato. Umtshato yinto entle kunene, kubatshati, izihlobo, nabahlali ngokubanzi. Ubuhle bawo buyachukumisa intliziyo nezabo bakhulayo.
Ngoko ke ukuba umtshato mhle ngolo hlobo lwekeyiki, kumele uphathwe ngononophelo ukuze ungatyobozwa sisiphatho esingenabulumko. Impatho yawo ifana nqwa neyekeyiki.
Lakhiwe ngeziqhamo zenene, lonto ichaza okokuba kudingeka ungene emtshatweni uxhobile ngezi ziqhamo, okanye uzongezelele xa kukho ezisilelayo. Nazi iziqhamo eziwenza umtshato ube mnandi ngenene. Umyili womtshato uzibeke zacaca gca kuba xa nitshatile kuba mnandi emphefumlweni.
Esi sisiqhamo sikamoya kumaGalati 5vs22. Ke sona esomoya isiqhamo luthando, uvuyo, uxolo, ukuzeka kade umsindo, ububele, ukulunga, intembeko, ubulali nokuzeyisa – zizo ke ezi izithako. Ziwugcina umtshato unesondlo, unencasa wonwabeleke.
Enye into ebaluleke kakhulu emtshatweni, sisinqanda kubola, kungoko ikeyiki yomtshato inako ukuhlala iminyaka ingaboli.
Xa ixovwayo kufakwa udidi oluthile lwewayini eyenza ukuba ezi ziqhamo zimelane namaxesha kwaye zigcinakele kwisimo esilungele ukutyiwa nanini.
Unelungelo lokuba ngunozinti womtshato wakho. Gada okokuba yintoni engenayo okanye ephumayo kumtshato wakho, kuba yakuba ngaphakathi inenxaxheba yokulahla ulonwabo.
Umtshato unomtsalane kokuhle nokubi, kuba mhle ezi zingamkelekekanga zenze obonakalayo umonakalo. Kungoko kumelwe umtshato ubekeke kubo bonke.
Kwaye angakhutshwa umnikazi mtshato, lowo wawusekayo, uBawo wethu osezulwini.
Kaloku uBawo uqinisekile ukuwugcina umtshato kuba yena akozeli akalali umgcini kaSirayeli, nakuba nina nilele ningenawo amandla okuphekuza, umtshato yena ulithemba elimiyo.
Makube luxanduva lwalowo nalowo ukuba lo mtshato mawube mnandi ngenxa yam. Wokuza neziqhamo zonke emtshatweni wam ukuze kungabikho ndlala.
Njengoko iwayini isisinqanda kubola, kwayiyo nezisa incasa apha kulo mtshato. Khumbula kumtshato waseKana, yakuba iphelile iwayini abazenzele yona abantu, uYesu weza neyakhe.
Qaphela amazwi athethwa ngabantu bakuba befumene le evela kuYesu, wonke umntu ubuka kuqala iwayini emnandi, babesitsho kuba le eze noYesu iwayini yaye incamisa ngencasa, kungoko bengazange bayivale imilomo yabo bakuyiva. Ewe, umnikazi wewayini emnandi nguYesu. Ngoko ke makabekho emtshatweni wakho bakuphela ubumnandi.
NguNombini “Mamisto” Maqelana. Mfumane rhoqo kweliphepha ngoLwesibini naku: Alfred Nzo Community Radio ngeeCawa (6-9 pm). Umnxeba 0799793192
Umqeqeshi weSundowns uncoma uLucas Ribeiro owonzakalise iPirates