UKUBA kuthethwa ngokuvangwa kwenkcubeko nolonwabo, indawo ethandwa kunene eMdantsane – iMthombo’s Palace – ayikwazi ukushiyeka ngemva.
Ukusuka kwizidlo ezinambithekayo ezikukhumbuza ngemvelaphi yakho, ukuya kwimijuxuzo ethi yakutsho ulibale neyokugqibela ingxaki, iMthombo’s Palace isiphethe isitayile.
Kutshanje le ndawo yolonwabo, kwaN.U. 7, iphumelele iwonga kwicandelo lenkcubeko nesitayile kumsitho wamawonga ezokhenketho ephondo iLilizela Tourism Awards, abebanjelwe kwihotele iThe Venue eHemingways kwiveki ephelileyo.
“Le mbasa ikwandivulela amathuba nakubantu baphesheya kweelwandle, kuba bona xa bebona imbasa endaweni, loo ndawo bayithatha njengaleyo ikumgangatho ophezulu,” utshilo uMthombo Nkula, umnini weMthombo’s Palace.
UNkula uthi noxa nje ekushishino, uphuhliso lwabantu bendawo yakhe yinto ebalulekileyo kuye.
“Noxa nje ndiqhuba ushishino, kusemdleni wam into yokuba ndiphuhlise abantu bendawo endishishina kuyo. Ndivule ngonyaka ka2015, kodwa kwakulo nyaka kweza isikhululo sikamabonakude iMTV Base sifuna ukuqhubela inkqubo yaso yokuqaqambisa iilokishi kumaphulo ayo. Ukusukela ngoko, andizange ndiphinde ndijonge emva,” utshilo uNkula.
Uthi sele etyelelwe zizikhululo zikanomathotholo ezifana noMhlobo Wenene kwanoKhozi FM. UNkula ukwabulele iSebe lezoKhenketho ngelithi nalo limncedisile.
Kule ndawo yakhe, ekwathengisa ulusu nomngqusho, uqashe ngokusisigxina abantu abalishumi elinesihlanu, kodwa uthi xa kuxakekile uye abize nabanye abasebenzi, ngokwesingxungxo, bafikele phaya kumashumi amathathu anesihlanu.
Iqela lomculo iSweet Voices yaseMdantsane, ebezisonwabisa eHemingways ngomhla wala mawonga, zisuka eRhawutini kwanaseTopiya ngenxa yemizamo kaNkula.
Kusenjalo, uVelile Ndlumbini ongumalathisi wabakhenkethi phantsi kwenkampani Imonti Tours, naye uphumelele iwonga phantsi kwecandelo lokolathiswa kwabakhenkethi.
“Oyena msebenzi wethu kukudibanisa abakhenkethi kwakunye neendawo zokhenketho, sikwenza oko ngokusebenzisa amava wethu wokwazi phantse zonke iindawo zeli phondo,” utshilo uNdlumbini.
Elona wonga likhethekileyo linikwe usofashoni uLaduma Ngxokolo, owasungula inyathelo lemithungo iMaXhosa by Laduma ngo2011.
Ebalisela I’solezwe lesiXhosa emva kokufumana eli wonga, uNgxokolo uthe: “Ndiziva ndiwongekile kakhulu kukuqatshelwa ngurhulumente waseMpuma Koloni ngemisebenzi yam. Ndiyavuya kakhulu kuba abantu abaninzi abayifumananga le nyhweba yokuwongwa ngemisebenzi yabo. Enkosi Mpuma Koloni!”
Ethetha phambi kokuba awonge uNgxokolo, uMphathiswa wezeZimali, uPhuhliso lwezoQoqosho, ezoKhenketho kwanezeNdalo kweli phondo, uOscar Mabuyane uthe: “Siqonde ukuba makhe sijonge apha kuthi oyena mntu wenza utshintsho olumangalisayo kwicandelo lezokhenketho nefashoni. Sibone engekho omnye umntu ngaphandle kukaLaduma Ngxokolo. ULaduma ubona ukubaluleka kwisiXhosa sethu, yiyo lo nto sibone ukuba masimwonge ukuze simphe amandla akhule nangakumbi.”
Ukanti eyona hotele (5 star) itshatsheleyo kweli phondo yiPrana Lodge eChintsa, ze owona myezo wolondolozo (5 star) zilwanyana utshatsheleyo yiHopewell eMnyameni logama iEast London ICC iyeyona ndawo igqwesileyo kusingatho lwemisitho. Kwicandelo leeBnB (5 star), iThe Kingsman Boutique eMetele.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo