Undabamlonyeni wegqiyazana elitshate namawele

UMTSHATO wamawele nenkosazana yakwaShembe obengundabamlonyeni kuFacebook UMFANEKISO: UTHUNYELWE

KUVUMBULUKE ukudideka ngentwazana yaKwaShembe ekuthiwa
itshate namadoda amabini angamawele.

Umtshato kuthiwa ubusetempileni eBuhleni ngeCawa. Abathethela ibandla bawugxekile lo mtshato ngelithi
awuhambisani nenkqubo yebandla.

Imifanekiso ehambisana nevidiyo yowasetyhini otshata namadoda
amabini ibe ngundabamlonyeni kumakhasi onxibelelwano.

Kule video kuvakala indoda isithi kushota kufike ‘uThonono’
wesibini ozoyipheleka.

Abanye bebesithi ingaba sesiqalile kwisinina isithembu
sabafazi. 

Kukhe kwakho umkhankaso wamakhosikazi ebandleni laKwaShembe abe befuna
isithembu. Abanye bathe ngumkhuba owenziwa ngabatshatayo, le asiyonkqubo
yebandla.

Umsunguli wephulo lesithembu samanina othe
akangethandi ukunkqangazwa uthe: “Nasekubeni ndingenalwazi, xa ibhinqa lithatha
isithembu, thina njengabaququzeleli bokuba amabhinqa athathe isithembu, sithi
mabayibambe njalo. Okwangoku lo mtshato ungundabamlonyeni ngokuba yinto
engazange yenzeka,” kutsho yena.

Abathethe neSolezwe abakhonza eBuhleni bawugxekile lo
mtshato, begxeka noMfundisi uNtombela okuthiwa utshatise aba nanjengoko inguye
onegunya lokutshatisa kweli bandla.

UNtombela (esingalifumenanga igama lakhe), uthe akuva
uthetha nentatheli wathi: “Yeyi yeyi! Andivumelekanga ukuthetha nabeendaba,”
wavala imfonomfono.

Uthe into enje ingqinela isiprofeto seNkosi iLanga
esathi kuzokwenzeka izinto ezingacacanga ezizokuwisa igama likaShembe.

UMnu Willington Myeni onguSihlalo weBhunga elikhusela
ukuxhatshazwa kwamaNazarethe, iNazaret Judiciary Council uthe, uyibonile
imifanekiso kodwa belibhunga abahambisani nesithembu nokuba sesamadoda okanye
abafazi ngokuba balandela umthetho obhalwe encwadini yomsunguli webandla,
uMprofeti Isaiah Shembe, ongasivumeliyo isithembu.

Kubhalwe ukuba amalungu eli bandla kumele akhethe
ukuba atshata umtshato wasemhlabeni okanye wasezulwini,   kuba owasemhlabeni uvumela
isithembu, owasezulwini uyasichitha.

“Thina sikholelwa ukuba abantu kufanele batshate
umtshato wasezulwini, wendoda enye nomfazi omnye.”

UNomagugu Ngobese, ingcali yamasiko nomsunguli
wemanyano eququzelela ukuhlolwa kweentombi nokulandelwa kwenkolo yesintu,
iNomkhubulwane Cultural Institute, uthi alikho isiko elithi amawele mawatshate
nomntu omnye.

“Amawele kudala abakhona kodwa anabayeni namakhosikazi
awo ngokohlukana.
  Ukubaliwele akutsho
seningumntu omnye.”

UNjingalwazi Jabulani Maphalala oyinkcubabuchopho
yemvelaphi
 uthe umtshato ofana nalo
yintsumantsumane engazange yenzeka ezimbalini.

“Ukuba amawele ayatshata nomntu omnye ngaba oko
kwenzeka nakuMkabayi newele lakhe uMama abazalwa yiKumkani uJama,” kutsho
uMaphalala.

Uthi utsho noku kwenziwayo kule mihla xa umntu etshata
iwele aqale afake elinye umsesane, aze aphinde alikhulule ngaphambi kokufaka eli
atshata nalo akulo siko, ngumkhuba nje owenziwa ngabantu.