Undibulala ndiphila umzukulwana wam!

Umakhulu uNokhanyo Makhabane kwilali eMachityaneni eKei Bridge okhangela umzukulwana wakhe uLuthando Sherly Makhabane owemka esiya esikolweni akabuyaUmfanekiso: BHEKI RADEBE

“Esele ndikunqwenela kukuba abuye nokuba usongiwe ndiyazi ndimngcwabile kunokuba ndingamazi nalapho akhoyo umzukulwana wam. Ukuba usebumnandini ndithi makabuye kuba undibulala ndiphila.” Lawo ngamazwi wexhegwazana uNokhaya Makhabane (84) odukelwe ngumzukulwana wakhe uLuthando Sherly Makhabane (18) kwilali yakuMachityane eNciba.

Ngoku sele iyinyanga yesibini edukile uSherly nanjengoko emapoliseni eNciba wabikwa njengolahlekileyo ngomhla wamashumi amabini anesithandathu kweyeSilimela.

UNokhaya encokola nephephandaba I’solezwe, uthi ubuthongo akasabuboni ncam oko kwathi kwaduka umzukulwana wakhe.

“Andisabuboni ubuthongo oko kwathi kwehla esi sehlo. Okundihlupha kakhulu kukuba akasenaye umama uSherly, kwaye nguye yedwa oyintombazana kubazukulwana bam abane. Ebesele elithemba lam, ndenza naye yonke into apha ekhaya, ebesele evala nendawo kamama wakhe kum. Ngoku ndizisonga ndodwa nokuba kududuma izulu, andinaye nomntu wokuthuma. Ukuba usebumnandini makabuye ndiyamxolela kuba kukhona andigulisayo,” utshilo uNokhaya.

Isithethi samapolisa ala mmandla uKapteni Jackson Manatha, udize ukuba ixhoba lachazwa njengelidukileyo kwisikhululo samapolisa saseNciba emva kokudlula kweentsuku lingabuyi.

UManatha uthi amapolisa asamkhangela uSherly kwaye naseGcuwa waxhonywa ezitalatweni.

UAyanda, nongubhuti wexhoba, uthi udade wabo wamgqibela ngomhla wesibini kwinyanga ephelileyo ehamba noogxa bakhe, besithi baya kwizifundo zangoMgqibelo eNdabankulu High kuNdabakazi. Uthi kodwa zange aphinde abonwe.

USherly wenza ibanga lesibhozo kwisikolo iJongilizwe eNciba.

UAyanda uthi nakumakhwenkwe ekuvakala ukuba ancuma nexhoba kwayiwa ngamapolisa kwafikwa lingekho ixhoba.

“USherly yintandane kagogo, makabuye apho akhoyo siyacela asizumenza nto, usapho lonke luxhalabile. Uza kubhubha ngoku ugogo ngenxa yakhe kuba sikhe simbhaqe eziba elila,” utshilo Ayanda.

Uthi ayilotyeli lokuqala eli uSherly eduka, kodwa zange kude kube lixesha elide kangaka, ibiye ibe lusuku. Usapho luthi eyona imana ibahlupha kukumana besiva ukuba uyabonwa kodwa kungade kubekho nto ibambekayo.

Amapolisa aseGcuwa abongoza onokuthi abenolwazi eze ngaphambili okanye atsalele ku: 047 831 2005.