‘Undigrogrise esidlangalaleni uceba’

Akukho sisombululo sibonakalayo kwidabi eliphakathi kwabahlali baseMizizi eMbizana kunye noceba wabo uSolomon Mapasa kuquka neNkosi yale ndawo uJongamaMpondo Mditshwa.

Okhokele umbutho wabahlali iAbahlali baseMijondolo eMbizana uNtsikelelo Mathumbu, uthi ugrogriswe phambi kwabahlali nguceba uSolomon Mapasa ngethuba bebevakalisa iingxaki zabo bengabahlali.

“Siqhube uqhankqalazo sikhalazela inkampani egrumba ilitye apha ekuthwa yiRamdel, undithuke wandigqala phakathi kwabantu esithi uza kundifumana, uthi ababemsokolisa njengam abazange baphumelele,” ucacise watsho uMathumbu. Abahlali bakrokrela ukuba lokaMapasa usebenzisana neqela eliquka uNkosi JongamaMpondo otyholwa ngokuthengisa umhlaba wabantu.

“Siyakrokra balala ngengubenye noJongamaMpondo kuba besingenangxaki naye, kodwa besibonakalisa ukuchasa kwethu le nkampani igrumba ilitye,” uthethe watsho uMathumbu.

UNkosi JongamaMpondo utyholwa ngokuthatha imali yabahlali ebathembisa ngokuba baza kufumana imbuyekezo yomhlaba ezakuza kubo iyimali.

Uceba uSolomon Mapasa wakwaWadi 20 uyazithethelela kwezi zihlobo ngelithi aziyonyani, Abahlali basemiJondolo baphazamisa uzinzo eMbizana.

“Uyaxoka uMathumbu andizange ndimgrogrise, ungene kwiwadi engeyiyo eyakhe, uhlala kwawadi 22, ungena ingxaki engekho sewadini ahlala kuyo,” ucacise watsho uMapasa.

Lo kaMapasa uthi akanangxaki nabahlali bewadi yakhe, koko kuMathumbu nombutho wakhe Abahlali baseMijondolo abaphazamisa uzinzo lwabo.

“Le nkampani bathetha ngayo sivumelene thina nabahlali, nale nto athi luqhankqalazo, ibiyinto yakhe nabantu abathathu eye kugeza kwasibonda,” utshilo uMapasa.

Uthi akwaziyo kukuba umxelele ukuba aphume aphele ewadini yakhe ajonge iingxaki zendawo ahlala kuyo.

“Ukubeke kwacaca uceba ukuba akasokuze ave ngathi singabahlali, kuba besicela ukuba kungene inkampani yalapha ekuhlaleni yenze lo msebenzi wokugrumba ilitye apha,” utshilo uMathumbu.

Ukanti uceba uthi abanangxaki nale nkampani kuba bavumelene nabahlali bakwaWadi 20.

“Akukho nto ifunyanwa ngabahlali kule nkampani, kuqeshwa abantu abasuka eThekwini nakwezinye iindawo, abahlali balapha abafumani nto,” utshilo uMathumbu.

Ukanti uceba akakukhanyeli ukuba usebenzisana noNkosi JongamaMpondo Mditshwa kuphuhliso lwale ndawo.

“Andinakukhanyela ukuba ndisebenzisana naye uNkosi JongamaMpondo kuba yiNkosi esemthethweni yesi sizwe, umasipala uyandinyanzelisa ukuba ndisebenzisane noNkosi JongamaMpondo,” utshilo uMapasa.

UMathumbu uthi uyoyika kuba akayazi ukuba kuza kwenzeka ntoni.

“Undigrogrise esidlangalaleni uceba, ndiyoyika,” utshilo uMathumbu.