UNdlozi akakho kwikhasi likaMalema

Inkokheli ye-EFF uJulius Malema kunye noGqirha Mbuyiseni Ndlozi. Umfanekiso: Thobile Mathonsi/African News Agency/ANA

Oonokrawuzana bangaphakathi kumbutho we-Economic Freedom Fighters (EFF) eqhuba inkomfa yayo eNASREC eGoli bathi igama likaGqirha uMbuyiseni Ndlozi alikho kuluhlu lukaJulius Malema lwabo baza kukhokela lo mbutho.

Oku kwenzeka nangona uNdlozi esathandwa ngabaninzi kumbutho we-EFF, kutshanje kuvakele iindaba zokuba uNdlozi akamkelekanga kule nkomfa.

Njengenkokheli ephambili kumbutho we-EFF, ungasifuna ungasifumani isizathu sokuba angafakwa kuluhlu lwabo baza kukhokela kwiEFF.

Ikhasi luluhlu lwamagama akhethwe ngohlobo oluthile ngeenjongo zokuba bonyulwe ukuze bakhokele umbutho. Ngaphandle kwekhasi likaMalema kumele ukuba likho elinye ikhasi elijikelezayo eliphikisana nelo likaMalema, nanjengoko oko kuhambelana nenkqubo yolawulo lwesininzi.

Ukungaveli kwegama likaNdlozi kolu luhlu kuza kuba kungqina iingxelo zokuba uMalema nabo atshomene nabo bebengamfuni uNdlozi ukuba azimase le nkomfa.

Ukuba izinto bezihamba kakuhle kwiEFF, bekumele ukuba kuvotelwa inkosikazi okanye indoda nanjengoko liphelile ixesha likaJulius Malema. Ukungabikho kwegama likaNdlozi kuthetha ukuba uMalema ufake kuluhlu lwakhe abo bathetha into efunwa nethandwa nguye.

UNdlozi ubonwa njengohambisana nabemnkileyo kwiEFF abaquka uFloyd Shivambu, Dali Mpofu kwakunye noBusisiwe Mkhwebana. Abo banokuba bakuluhlu olwenziwe nguMalema kulindeleke ukuba bavale izikhewu eziquka eso sikaNobhala Jikelele kulo mbutho emva kokushiya kukaShivambu. Utshintsho lubalulekile kwiEFF kuba ukungenzeki kotshintsho kungathetha ukuba uMalema uza kuqhubeka nesikhokelo sakhe.

Unobhala Jikelele kwiEFF, uMarshall Dlamini, ukuqinisekisile ukuba yena uxhasa ukuba uMalema aqhubeke ekhokele lo mbutho. Ngamawaka amabini namakhulu amahlanu amalungu alo mbutho aphuma kumaphondo ohlukeneyo ekulindeleke ukuba axoxe, avote ukuqhubela umbutho wabo phambili.

Le nkomfa iqale ngomhla weshumi elinesibini ukuya ngomhla weshumi elinesihlanu kule nyanga kaDisemba.