UNdodiphela ufuna iR200 000 yakhe!

UNdodiphela Nombexeza ekunye nonkosikazi wakhe abacela amalizo kumsamariya olungileyo beme phambi kwetyotyombe labo elingazange ligqityweumfanekiso: Siyabulela Mqikela

Usapho lakwaNombexeza eNxarhuni eMonti, luthi ibuhlungu into eyabehlelayo eyokutyikitya into abangazange bacaciseleke ngayo, apho batyikitya imali engange-R200 000 kanti baza kushiyeka belamba bengenayo nesenti emdaka.

Le mali yekaNdodiphela Nombexeza (65) owayesebenza kwisibhedlele iCecilia Makiwane. UNombexeza wayefumene iR300 000 njengomhlala-phantsi eMakiwane, wagqiba kwelokuba onge imali engange-R200 000 kwaLandela Pension and Investment Consultants ebhaliswe phantsi kweMetropolitan.

Uthi wayecinga ukuba uyayonga le mali ze ayisebenzise kwakuphela le anayo, kanti kufumaniseke ukuba watyikitya phantsi komyalelo othi makayifumane xa sele ebhubhile le mali.

UNombexeza wasebenza iminyaka eyi-33 engumthwali wezigulana, waze wayeka ngonyaka ka2011 emva kokufunyanwa sisifo samathambo.

“Emva kokufumana esi sixa semali ndacetyiswa ngabantu ngoLandela ogcina imali zabantu abathathe imihlala phantsi, kanti ndandiyokuzifaka emhadini. ULandela Zeka, safika nje wabe sele endityikityisa amaphepha epolisi awayesithi mandiyithathe ukuze imali yam ihlale ikhuselekile, kanti ndityikityisa ipolisi engasoze ndiyikhuphe ngoku ndisaphilayo imali yam.

“Safika kugcwele qhu abantu bezokutyala iimali zabo kwi-ofisi le kaZeka, uninzi lwabo iingotitshalakazi baphesheya kweNciba, wandiwalaza akandicacisela nto ithe ngqo nam ndatyikitya,” utshilo uNombexeza.

Olu sapho luthi akukho nto lungayenzanga ukufumana uncedo kwenzele bafumane imali yabo ngoku asaphilayo, kodwa oko kube lilize.

Uthi sele esuka kwaMetropolitan kwathwa akukho nto iza kutshintsha watyikitya, waya emagqwetheni athi nawo akukho nto iza kutshintsha, lwabhalela nakuNozikhalazo (Ombudsman) eKapa, naye wabuya esithi watyikitya akukho nto inokutshintsheka.

UNtomby Nombexeza (55) ongunkosikazi wexhoba uthi, esele beyinqwenela ngoku kukufumana loo mntu unokuthi eze nelinye icebo abangalaziyo nabo kuba bazenzile zonke iinzame.

“Kubuhlungu kuba siyahlekwa ngabantu, zange sigqibe nendlu le sasele siqalile ukuyakha, izixhobo zokwakha sazithengisa sisiva indlala ezinye zibolekwa ngabantu. Ukuba umntu angasinceda asakhele simbuyisele mhla safumana le katata.

Imali esiyifumanayo ngepeyi iphelela ematyaleni esiwenzayo,” utshilo uNtomby. Amaxhoba akwadize ukuba agxothwa kule ofisi nguLandela ngethuba eyokucela ukutshintshelwa le polisi.