Undwendwele eKhayelitsha uBill Gates

UBill Gates kunye nenkosikazi yakhe uMiranda Gates eKhayelitshaumfanekiso: Buziwe Nocuze

UBill Gates nongomnye wamadoda adume ngokuba nemali nokwangumsunguli weMicrosoft, undwendwele isikolo samabanga aphantsi Inkanini kwindawo yaseKhayelitsha eKapa.

Lo kaGates ube hamba nenkosikazi yakhe nabathe xa befika kwesi sikolo bafika behamba ngetekisi (Quantum).

Inqununu yesikolo uSimphiwe Hazel Ngcongca ushiyeke engonwabanga konke konke kulandela ukungenziwa kwezinto ngendlela efanelekileyo.

“Siphantse asathetha naye kodwa uze kuthi, kunyanzeleke simleqe sele ehamba sicele ezo zinto isikolo sishota ngazo,” utshilo uNgcongca.

Uqhube wathi into ebeyilindele kukuba athi xa efika uGates adibane nesigqeba sesikolo ze emva koko bajikeleze isikolo.

“Zange ndayibona into enje, bavele bafika bangena kwigumbi lokufundela ebelinabantwana ze emva koko bajikela nje kancinane bakugqiba baphuma bahamba,” utshilo uNgcongca.

Watsho esithi kuloo mizuzu mibini ayifumeneyo ucele ukuba lo kaGates abakhele isikolo ancede nangeekhompyutha.

“Hayi andizuthi nguye onengxaki ncam, kodwa ngabantu abamngqongileyo kuba le nto bayenzileyo kufana nokungena emzini ufike uthethe nje nabantwana wakugqiba uphume uhambe,” utshilo uNgcongca.

Ebuzwa ukuba unethemba lokuba isicelo sabo siza kufezekiswa na, uphendule ngelithi: “Indlela eyenzeke ngayo yonke le nto andinathemba, kodwa ke siza kubona.”

Lo kaNgcongca uqhube wathi ukuba ebengacinganga kuphuma kuba esiya eklasini ebeza kuva ngembali ukuba uGates ebesesikolweni sakhe.

“Kungangcono xa benokutshintsha indlela abenza ngayo izinto kuba le benze ngayo ngoku inayo indawo yokungakhathali, kwaye ndishiyeke ndinemibuzo efana nokuba xa bengazudibana nesigqeba sesikolo kanti yintoni ebebezokuyenza apha esikolweni,” utshilo uNgcongca.

Inkanini sisikolo esitsha esiqale ukusebenza ngoTshazimpuzi wonyaka ophelileyo kwaye sinabafundi abangapha komlinganiselo.

“Xa enokusakhela isikolo singavuya kakhulu, sinethemba lokuba mhlawumbi angasakhela, asazi siza kuhlala emlindweni.”

UAndile Lili nongusihlalo wesikolo ube vutha ngumsindo engawuvali umlomo yindlela abantu ebebehamba noGates abangazenzi kakuhle ngayo izinto.

“Zange ndayibona into enje ndisamathile nangoku kuba ngokokwazi kwam xa abantu bendwendwele kuloo ndawo badibana nenqununu ze ibase kwisigqeba sesikolo, le bayenzileyo ayibonakalisi kuhlonipha.”

Uqhube wathi ininzi kakhulu into ebefuna ukuyithetha kuGates kodwa khange alifumane elo thuba.

“Ndibonile ukuba mandiyeke inqununu ithethe kuba aba bantu bebehamba naye bebengxame kakhulu, andiyazi ke bebezokuthini apha xa beza kuleqa ukuhamba,” utshilo uLili.

Watsho esithi ingaba akathethi nyaniso xa enokuthi bahleli imizuzu elishumi elinesithathu.