Undwendwele iintsapho zamaxhoba engozi uSodolophu waseNgcobo

Usodolophu uLizeka Bonga-Tyali kunye nabefundisi bebhunga leetyalike eNgcobo

Usodolophu waseNgcobo uLizeka Bonga-Tyali ebambisene nebhunga leetyalike kule dolophu, bandwendwele iintsapho zamaxhoba asibhozo asweleke kwingozi yemoto ehambisa umzimba eyehle kwiveki ephelileyo.

Le ngozi yenzeke kwimizuzu nje engaphantsi kweshumi elinesihlanu aba bakhweli beveni bephumile edolophini. Amaxhoba amathandathu aswelekele kwindawo yexhwayelo, baza ababini baswelekela esibhedlele iAll Saints, ukanti abane kwabasindileyo bakwimeko embi kwisibhedlele saseMthatha.

Bonke aba baswelekileyo ngabahlali baseNcorha phantsi komasipala Intsika Yethu, kodwa bangabathengi baseNgcobo, ngenxa yesi sizathu uBonga-Tyali uthi baziva belahlekelwe kakhulu ngokusweleka kwabo.

Uhambisa athi “Sizokukhala kunye nani nanjengoko xa nonwaba sonwaba nani, size kula makhaya ukuza kucuntsula kwintlungu enehleleyo, intlungu yenu nathi siyayiva.”

Usodolophu ungomnye wabantu abafika kuqala kwindawo yengozi, uchaza umbono awubonayo njengentlungu engathethekiyo.

“Ndibabonile abantu beswelekile belele phantsi abanye besemanzini bonzakele berhaxwa nangamanzi. Yintlungu engathethekiyo, ngethemba lokuba uThixo esihamba naye uza kuyithatha le ntlungu yenu zintsapho ubomi benu bungafani nakuqala,” utsho.

Kusenzima ukuxola kwezi ntsapho, usizi nentlungu zibhalwe ebusweni. Phakathi kwamaxhoba aswelekileyo kukho indoda ebisanda kuzimanya ngeqhina lomtshato kunyaka ophelileyo yaye ishiya usana olunenyanga enye luzelwe, umama wosana ukwimeko embi esibhedlele nanjengoko naye ebe kule ngozi.

Ukanti kukwasweleke nomfundi obesenza unyaka wesibini kwiyunivesithi iWalter Sisulu eMthatha. Onke amaxhoba aza kungcwatywa kwindawo ezohlukeneyo kule mpelaveki siya kuyo.

Umqhubi kuvakala ukuba uchacha kuhle esibhedlele yaye kukho amarhe athi ube phantsi kweempembelelo zotywala ukwehla kwale ngozi, uza kujongana namatyala okubulala ngengozi.