UNeyi Zimu ukhuthaza ukuzithemba nokuzimela ngengoma

Ney Zimu

Imvumi yomculo weGospile ekwanguye noMfundisi ophuma eVaal eRhawutini, uGcinumzi, nowaziwa ngelikaNeyi Zimu kwezomculo beseMpuma Koloni ebhiyozela icwecwe lakhe elitsha lesixhenxe elithi ‘Another Level of Worship’.

Eli cwecwe, neliphume kweyoKwindla kulo nyaka, lineengoma ezilishumi elinesihlanu.

UNeyi Zimu uthi kula mahlanu amacwecwe usokole kakhulu kuba ebezenzela ngokwakhe, akugqiba azithengiselele ngokwakhe ezitalatweni, kodwa eli litsha liyafumaneka ezivenkileni. Uthi kwelidlulileyo elithi “The Waiting is Over” uye wabona imimangaliso uthengwa umculo wakhe.

UNeyi Zimu eyona ngoma ayithanda kakhulu kweli icwecwe litsha yethi “uJesu Unamandla” kodwa abantu ubakhuthaza ukuba bamamele eyesine ethi “Victorious”.

Ukhuthaze abantu abatsha beli loMzantsi Afrika ukuba ithemba bangalilahli nokuba imeko injani.

Uthe bonke abantu abatsha banayo imingeni abajongene nayo kule mihla siphila kuyo, kodwa ukuthemba uThixo ngundoqo.

Uthi mabasebenzele ukuzenzela nokuzimela futhi babenezakhono. Uthi abantu abatsha ubakhuthaza ngengoma yesithandathu kweli cwecwe lakhe ethi “Jehova Retshepile Wena”.

UNeyi Zimu uthi nokuba kunzima kangakanani kweli xesha siphila kulo mabahlale bebambelele kwaye benethemba lokuba izinto ziza kuthi zitshintshe.

Uthi mabasebenzele ukuziphuhlisa bohlukane nezinto ezigwenxa ebomini.