‘Ungaboleka imali ebhankini likhona iqabane?’

IIBHANKI zifaka inzala xa ziboleka umntu imali, kungesosizathu apho iNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane wagqiba kwelokuba angayi ebhankini, endaweni yoko aye kwiqabane lakhe uBabalo Madikizela ukuze aboleke imali ngaphandle kwenzala.

Oku kuthethwe ligqwetha likaMabuyane, uNgqiqo Sakhela, ngethuba ethetha nabeendaba emva kokumanyelwa kwesicelo senkundla eBhisho ngoLwesibini apho uMabuyane noMadikizela bathe basenza ngempumelelo nanjengoko ijaji inqwale ngakwisicelo sabo.

UJaji Rossan Kruger uye wakunqumamisa ukuthatyathelwa amanyathelo ngakubo kulandela ingxelo kaAdv. Busisiwe Mkhwebane ebafumanise bexhamle ngokungafanelekanga kwiR1.1 million eyayihlelelwe ukuthutha abazili baye kwinkonzo yesikhumbuzo kaWinnie Madikizela-Mandela eMbizana ngo2018.

Ingxelo kaMkhwebane ifumanise ukuba uMabuyane noMadikizela baxhamla “ngokungafanelekanga” kwimali yabarhafi yomasipala waseMbizana apho uMabuyane, ngokwengxelo kaMkhwebane, waxhamla iR450 000 ze uMadikizela waxhamla iR350 000. Esi sibini siyakuphika oku, besithi babenesivumelwano sokubolekana imali nalapho uMabuyane sele wayihlawula lo R450 000 wayeyiboleke kuMadikizela.

Iqela lamagqwetha eNkulubaphathiswa uOscar Mabuyane noMphathiswa uBabalo Madikizela UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Iqela lamagqwetha kaMabuyane libanga ngelithi uMabuyane wayesele eyibuyisele yonke kuMadikizela imali awayeyibolekile.

USakhela uthi esiya sisigqibo esithatyathwa yiNkulubaphathiswa sokuba iboleke imali kuMadikizela endaweni yokuya ebhankini.

“Khumbula ukuba uBabalo Madikizela liqabane lakhe. Ungaqala ngoya ebhankini endaweni yokuya kumntu omaziyo, ube ungazukuhlawula inzala? Lo mntu liqabane. Ndingakhetha ukuya kumhlobo wam endaweni yokuya ebhankini, kuba umhlobo wam uza kundinika imali ngaphandle kokufaka inzala,” kutsho Sakhela.

“Oko kungesosizathu sinye esabangela iNkulubaphathiswa iye kuBabalo Madikizela ukuze iboleke imali. Baye bagqiba, phantsi kwezizathu, ukuba basigunyazise isivumelwano sabo sokubolekana imali ze batyikitya phantsi bobabini.

“Olo xwebhu lwasiwa phambi kukaMkhuseli woLuntu,” utshilo uSakhela.

UMkhwebane akakhange asiphikise isigaba sokuqala sesicelo senkundla sokunqunyanyiswa kwezindululo zokuba makuthatyathwe amanyathelo ngakuMabuyane noMadikizela, utshilo osisithethi seOfisi yoMkhuseli woLuntu, uOupa Segalwe.

USegalwe uthi xa kufika isigaba sesibini senkqubo yenkundla baza kusiphikisa isicelo sikaMabuyane noMadikizela sokuba mayichithwe ngokupheleleyo le ngxelo.