UVuyolwethu Ngalonkulu ugoduke engawuvali umlomo yimincili emva komcimbi woonobuhle obungempelaveki egqithileyo. Inqwaba yabantwana abangaphantsi kweshumi elinesihlanu yeminyaka babuthelene kwiholo laseGcuwa – apho bekukhethwa abantwana abaza kuya kukhuphiswano loonobuhle.
UNgalunku, oyiNtloko yeAnqobile Development Foundation, ebambisene neminye imibutho ezimeleyo, banephulo elihle elijoliswe ekulungiseni abantwana baza kuya kukhuphiswano lezwekazi leAfrika yonke kunyaka ozayo.
IGcuwa ifumene ithamsanqa nethuba lokuqala ekukhethwe kuyo abantwana abafuna ukumela iphondo nelizwe labo. “Injongo yethu kukuvulela abantwana (amantombazana namakhwenkwe) abasakhulayo amathuba. Kulo msebenzi sibambisene nabaququzeleli bakazwelonke (Little Mr&Miss Africa South Africa).
“Ngoku ndikhangela abantwana abanokumela iphondo leMpuma Koloni kukhuphiswano lukazwelonke,” utshilo uNgalonkulu emva komcimbi obuseGood Shepherd School.
Emva kokuya nakwezinye iindawo, uNgalonkulu uza kubafundisa ngobomi abantwana phambi kokuhluza kwabo baza kuthi bamele iphondo lonke. Emva kokusebenza njengentatheli ixesha eMpuma Koloni, ngoku uNgalonkulu ulitshantliziyo elizinikeleyo ekusebenzeni nabantwana abasakhulayo.
“Ngoku ndiqhuba iinkqubo zabantu abatsha njengosomashishini onefuthe ekuhlaleni. Mna ndinesikolo soonobuhle endizama ngaso ukuvulela abantwana baseNgqushwa amathuba.
“Ngokwenza iinkqubo ezinje ngale sisuka kuyo, sizama ukunika abantwana ithuba lokwenza izinto ezilungileyo futhi bahluke kwabaqhelekileyo. Siyenza lo nto sinenjongo yokuqinisa indlela yokucinga, ukuzipha nabenza ngayo izinto abantwana.
“Ukucondoba eqongeni loonobuhle ayiseyonto yenkangelelo kuphela ngoku. Kuthi ubuhle mabuhambe nengqiqo emntaneni. Sizihambisa zombini ezo zinto sinethemba lokubaphephisa kwizinto ezingalunganga kwiindawo abahlala kuzo abantwana.”
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10