‘Ungandibulala ngoku ndina-3?’

NGAMANYE amaxesha ayikokutshisa mavili okanye ukonakalisa izinto ukuze ilizwi likabani livakale xa eqhankqalaza okanye ebambe umngcelele.

Kwakhona apha kwilizwi, asiyondlela yokuthetha kuphela okanye ukukhwaza enokubangela ukuba kuqatshelwe indlela ubani azama ukuzivakalisa ngayo. Ngamanye amaxesha umyalezo obhaliweyo okhatshwa yimbonakalo ebusweni nguwo onokugqamisa indlela ubani anqwenela ukuzivakalisa ngayo.

Kube njalo ke nakumngcelele obuququzelelwe yiANC namahlakani wayo ochasene nempalalogazi eqhutywa lilizwe lakwaSirayeli kumaPalestina, noqale eSouthernwood ukuya kwiHolo yeSixeko saseMonti ngeCawe.

Kulo nginginya yabantu bekukho uJasmine noKershia, abangamantombazanana akwiminyaka emithathu. Omnye kubo, uJasmine, ebephethe umbhalo othi: “I am 3. Imagine you killed me [Ndineminyaka emithathu. Kha ufane ucinge xa undibulele.”

UKershia noJasmine ngakumfanekiso oqingqiweyo kaSteve Biko eMonti UMFANEKISO: SITHANDIWE VELAPHI

Le mibhalo ibijolise kwimpalalogazi eqhutywa lilizwe lakwaSirayeli elicinezele amaPalestina kumhlaba wawo.

Kutshanje, kubhubhe abantu abangamakhulu amabini anamashumi amane anesibhozo (248) ngeentsuku ezilishumi elinanye kwimpalalogazi eqhutywa lilizwe lakwaSirayeli kumaPalestina.

Kwaba bantu babhubhileyo, amashumi amathandathu anesithandathu (66) kubo ngabantwana.

Ozichaze kuphela njengomzali kaJasmine, uthe: “Impathombi eyenziwa lilizwe lakwaSirayeli kumaPalestina ibonwa nangabantwana. Uloyiko lwabo luya lukhula ngokukhula ingakumbi xa besiva iziganeko zokubulawa kwabantwana basePalestina.”

IMpuma Koloni ithi ayinakusonga zandla, nokuba uSirayeli sele ebhengeze ukuba uza kubeka phantsi iintolo zomlilo.

Umngcelele eMonti ochasene nogonyamelo lukaSirayeli kumaPalestina UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

INkulubaphathiswa yephondo kwanoSihlalo weANC ephondweni, uOscar Mabuyane, ebeyinxalenye nalo mngcelele.

Oscar Mabuyane UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

“Njengabantu baseMpuma Koloni eMzantsi Afrika, siyakukhalimela ukubulawa kwamaPalestina ngabacinezeli belizwe lakwaSirayeli. Njengabantu beli phondo, siyazinikela ngelithi asoze sime esiphakathini sixakwe kukukhetha icala xa oomama nabantwana basePalestina bebulawa futhi begxothwa kumakhaya abazalelwe kuwo.

“Akukho ludushe luphuma nkalwana phaya. Udushe lwenziwa lilizwe lakwaSirayeli.

“Njengoko kwakunjalo kwilizwe loMzantsi Afrika ngexesha lengcinezelo, siyabaqonda abantu baseGaza ukuba banelungelo lokuziqokelela, baphikise futhi bakhusele ilizwe labo – nangantoni na,” utshilo uMabuyane.

Mandla Mandela UMFANEKISO: BHEKI RADEBE

Ilungu lePalamente kwanomzukulwana kaNelson Mandela, uMandla Mandela, udlulise amazwi ovelwano kwiintsapho zamaPalestina ezibulawelwe izihlobo.

“Simemelela ekuvalweni ngokupheleleyo komzi wozakuzo waseMzantsi Afrika eTel Aviv (kwaSirayeli). Umzi wozakuzo esifuna ukuwubona ngoseRamallah ePalestina kwaye sifuna uMzantsi Afrika uxhase la mzi ngako konke. Sifuna urhulumente wethu usebenzise amandla wawo, awususe umzi wozakuzo wakwaSirayeli kweli lizwe,” utshilo uMandela.

Unozakuzaku welizwe lasePalestina kwilizwe loMzantsi Afrika, uHanan Jarrar, uthi bachulumancile futhi beziva besezimbekweni kukusindlekwa lilizwe “elihle” njengeli loMzantsi Afrika.

“Enkosi Mzantsi Afrika, enkosi ngento yonke. Yinyaniso, sifuna inkxaso namahlakani kwidabi lethu lokuzikhulula kumakhamandela elizwe labacinezeli iSirayeli”.