Ungaphandle ngebheyile obulele iqabane lakhe

UNGAPHANDLE ngebheyile yewaka leeranti umrhanelwa ojongene nezityholo zokuxabela abulale intokazi ebencuma nayo ngesinkempe, eWaterfall kufutshane nelokishi iNgangelizwe eMthatha.

UFundisile Mpande oyinzalelwane yaseMamolweni eNgqeleni ubanjwe ebutsheni bale nyanga, egoxe kwilali yakwaPayne eMthatha, etyholwa ngokubulala intokazi enama-35 yeminyaka ancuma nayo, kwindawo ebihlala kuyo eWaterfall. 

Eli sikizi lothuse abahlali besitalato iMhlaka, nabathi kuyanda ukubulawa kwabantu ngokumasikizi kule ndawo. Kwinyanga yeSilimela kulo nyaka kwadutyulwa kwabulawa amalungu amathathu osapho lakwa-Arosi kwisiganeko esachazwa njengempindezelo.

Umnini ndlu ebihlala umrhanelwa owafika kuqala kwindawo yexhwayela ubikele eliphephandaba esithi “Ndeva isikhalo ndaphuma ndadibana noFundisile ephethe isinkempe, enegazi, xa ndimbuza ngokwenzekayo akaphendula. Xa ndikroba endlini ndabona ixhoba lilijaja ligazi ndahlaba umkhosi, wabaleka umrhanelwa. Andisakwazi kulala ekhaya ukususela oko ndabona ela sikizi.”

Ukwathi uMpande ebemazi njengomntu ozolileyo, ongaseliyo, ekwanguyise womntwana wexhoba oneminyaka emithathu.