Limiselwe umhla wesine kwinyanga ezayo ityala lendoda eyathi yabetha yabulala unkosikazi wayo ngenxa yokumvimba izibindi zenkuku eyayixheliwe kwikhaya labo kwilali yakuMente kuGatyana.
Umyeni uMabifu Mbundwana (69) wabetha unkosikazi wakhe uNofinishi (67), ezinzulwini zobusuku ngomhla wesibhozo kwinyanga ephelileyo, ngenduku wade wabhubha kuba engakhange amphakele izibindi.
Othethela amapolisa ala mmandla kwaneziphaluka, uKapteni Jackson Manatha, uthi utata waye wayivusa le nto ezinzulwini zobusuku wabe sebetha umnkakhe engenalusizi nangoku sele ekhala unkosikazi wakhe.
Waye wavela ngomhla weshumi kwinyanga ephelileyo, wakhutshwa ngaphandle ngebheyile ye-R1 500 ukuyokulungiselela umngcwabo wenkosikazi yakhe.
Uphindele ngoMvulo ezinkundleni kule veki, nalapho liye lamiselwa inyanga ezayo kuba inkundla isithi isezakwenza uphando.
Esi sehlo sakuMente sothusa abantu abaliqela, bambi bengayikholelwa ukuba umntu angade abhubhe ngenxa yokungaphaki izibindi zenkuku.
UMofokeng ufumene imoto ngenxa yokugqwesa kwakhe ebholeni