Ungaphoswa ngumsitho weemfama eBhayi

Umbutho ongekho kurhulumente ojongene nabantu abangaboniyo nabakhubazekile iSouth African Disabled Association (SADMA) ngamafuphi uzakubamba umnyhadala wekonsathi eFeathermarket Center eBhayi okukuqala ngqa sukela oko wasekwayo.

Ngokwengxelo kasihlalo weSADMA, uJohn Mothopeng naye ongaboniyo okwayimvumi uthi, injongo zomnyhadala lo kukuba baziwe nabo kwaye bamenywe kwiindawo bangasoloko besizelwa luluntu.

“Sifuna ukwazisa ukuba bakhona abantu abanje kwaye abanesakhono somculo kodwa abangaziwayo ngurhulumente kwanaluluntu. Nabo banako ukusebenziseka kwimisitho karhulumente kwenzele bakwazi ukufumana inkxaso nakumculo wabo,” utsho uMothopeng. Uqhube wathi,

“Abafane babizwe banqabile kwimisitho eqhelekileyo kusoloko kubizwa aba sele besaziwa. Sikwafuna kubonwe nokuba abantu abalolu hlobo banako ukuzenzela igama ngenkubazeko yabo akukho nto inokubabamba.”

Lo msitho uxhaswa lisebe lezobugcisa kwakunye nenckubeko kuzwelonke.

Imvumi zeSADMA, ekulindeleke ukuba zikhwele eqongeni, nguSthembele Matu waseMthatha, uCwenga Nomnganga oyimbongi yesiXhosa, uSiviwe Bonase noZola kwakunye nowaziwa ngoMr Genius waseWalmer.

Ukanti nosaziwayo uLelethu ‘Poeticsoul’ Mahambehlala uzakubayinxalenye yalo msitho. Izakuqala ngentsimbi yesithathu emva kwemini kuMgqibelo umhla weshumi elinethoba.