KHAWUFANE ucinge xa unokuze uthi ngoku ungumXhosa uphuphe uyalezwa zizinyanya zakowenu zithetha isiNgesi.
Awunakuphakama uye egqirheni uyokuqonda ukuba zikhumshelani?
Oku kubuzwe nguZongezile Matshoba, umanejala weenkqubo zezemfundo nezikawonkewonke kwiAmazwi South African Museum of Literature, eyiArhente yeSebe lezoGcisa neNkcubeko.
UMatshoba ebebuza abafundi baseNathaniel Nyaluza High School yaseMakhanda ngoLwesine, usuku lokuqala lweAmazwi Puku Story Festival ebanjelwe eMakhanda nephela ngoMgqibelo.
“Injongo zalo mnyhadala kukuphuhlisa nokukhulisa uluncwadi, ingakumbi ulwimi lwesiXhosa apha ebantwaneni. Sifuna xa sibona umntu ephuma evenkileni ephethe I’solezwe lesiXhosa singothuki simbuze ukuba kutheni engathengi amaphephandaba esilungu nje,” utshilo uMatshoba ecacisela abafundi.
Ethetha ngokubaluleka kolwimi, uthi bafuna ulwimi lwesiXhosa luhlale luxatyisiwe ngabantu abaluthethayo.
“Abantu banento yokuvele basijongele phantsi isiXhosa, uve umntu esithi ‘ndiyaphi nesiXhosa’. Ndimphendule ke mna ndithi uya engcwabeni.”
“Umntu akubhubha uye abe sisinyanya. Yiba nombono ke ulele uphupha kuthethwa ngesiNgesi. Thina kaloku bantu bamnyama siye siwahlalutye amaphupha. Xa kengoku uphuphe izinyanya zakowenu zimkhumsha kuza kufuneka uye emagqirheni. Njani kaloku ukuba izinyanya zikhumshe?” kubuza uMatshoba.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo