Barhogola ivumba elibi elikhoboza impilo yabo imihla ngemihla abahlali bamatyotyombe aseCambridge eMonti ngenxa yobumdaka obusuka kwindawo yokuxhela ekufutshane iEast London Abattoir.
Ingxelo yenkokheli yale ndawo uCikizwa Njokweni ithi, liphezulu inani labantu ababhuqwa sisifo sephepha kule ndawo, kwaye bakholelwa ukuba ubumdaka obusuka kweli ziko lokuxhela lingunobangela.
”Kulo nyaka uphelileyo kuphela, singcwabe abantu abalishumi elinesihlanu, bonke babulawa sisifo sephepha kuba abantu balapha baphefumla umoya onevumba elibi elisuka kule ndawo yonke imihla,” uchaze oko uNjokweni.
Le ngxelo ithi eli ziko lixhela iinkomo ezingamakhulu amathathu, iigusha ezingamakhulu amabini namashumi asixhenxe baze baxhele iihagu ezikumakhulu amabini namashumi amabini ngemini.
Igosa lesebe lezolimo nophuhliso lamaphandle uGqirha uVusumzi Enoch Rozani uthi zininzi iingxaki eziba ngunobangela woku.
“Ubumdaka obuveliswa xa kuxhela kumele ukuba buphelela phaya ngaphakathi kula ndawo yokuxhela bungaphumeli ngaphandle kweziko, utsho umthetho,”uthethe watsho uRozani.
Lo kaRozani uthi umthetho ugunyazisa ukuba amaziko okuxhela abekude neendawo zokuhlala abantu nanjengoko kukho amavumba avelayo nezinye izinto.
“Ingxaki iba kukuba ngoku indawo yokuxhela ikude nabahlali, ibengabo abasuka basondele ngamatyotyombe abo kufutshane nale ndawo emi kuyo le ndawo yokuxhela,” utsho uRozani.
Umongikazi weziko lempilo elikufutshane kule ndawo ongavumanga kukhupha igama lakhe uthi. “Sibethwa livumba elibi kakhulu eliphuma kula kona isuka ngakule ndawo yokuxhela, amanani aphezulu esifo sephepha abubungqina bokuba ikhona ingxaki kule ndawo,” utshilo.
UThandiwe Qwela utya amachiza okulwa nesifo sephepha uneminyaka engamashumi amabini anesine ehlala kula ndawo.
“Xa uphuma phandle urhogola eli vumba lalo mswane, xa ungena endlini uphinde ufike livalile kwakho, utsho ungayazi ukuba mawuye ngaphi,” uthethe watsho uQwela.
Lo kaQwela uthi eli vumba limbangela ukuba angakwazi kutya, lo nto yenze ukuba angakwazi kusela amayeza akhe.
Le nkampani ixhelayo apha ithembise ngokusitsalela umnxeba inika elayo icala malunga nale ntlekele, ukanti isebe lempilo nalo alifumanekanga ukwenza ilizwi.
“Thina sizakuthumela amagosa ethu ukuba aye kuqwalasela into enokwenziwa ukuzama ukunqanda le ngxaki kuba igazi nomswane akumele ukuba liphuma ngaphandle kwendawo ekuxhelelwa kuyo,” utshilo uRozani.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup