Ungcwatyelwa ePitoli uNombulelo Tshabalala

Nombulelo Tshabalala

Intombi yeNkosazana yamaMpondo uStella Sigcau, uNombulelo Tshabalala, uza kubekwa kumangcwaba aseHatfield ePitoli ngoMgqibelo.

Oku kulandela ukubhubha kwakhe ngequbuliso kwiveki ephelileyo eshiya ngasemva abantwana bakhe abane.

Othethe egameni leKomkhulu lamaMpondo eQawukeni, uNkosazana Stella Sigcau, uthi balindele amaKomkhulu aliqela kulo mngcwabo.

“Ikomkhulu lamaPedi, amaTshangana, Ndebele, amaSwati, Hlubi, amaZulu, amaXhosa kunye neeKumkani neeNkosi ngokunjalo,” utshilo uSigcau.

USigcau ongunina kaNombulelo, uyintombi kaBhota Sigcau wamaMpondo owadlala indima enkulu ukumiselwa korhulumente waseTranskei.

UStella Sigcau uzalwa kunye noNkosi uNtsikayezwe Sigcau owayelijoni loMkhonto weSizwe, kunye noNkosi Mpondombini Sigcau wamaMpondo aseQawukeni.

“Usekela sihlalo weNdlu yeeNkosi kuzwelonke umama uNosintu Mhlawuli uza kuba esisithethi, kaloku uzalwa emaMpondweni kwayena lo mama,” utshilo uSigcau.

Umnakwabo’ Nombulelo, uLeslie Sigcau, ukuchaze ukushiywa kwabo ngudade wabo njengelahleko engenakuchazwa.

“Ebe yinto yonke kuthi njengosapho, ethanda inkonzo noshishino kakhulu, engazifihli iingcebiso zakhe kwabanye abantu abazidingayo. Silahlekelwe ngenene sisisizwe samaMpondo, ooTshabalala nesizwe soMzantsi Afrika,” utshilo.

ULeslie noNombulelo kukuphela kwabantwana abazalwa kumtshato kaStella Sigcau kunye noRonald Tshabalala phambi kokuba azinikele ekusebenzeleni urhulumente weli uStella.

URonald Tshabalala yiNkosana yesizwe samaSwati, eyenza ukuba uNombulelo noLeslie Tshabalala bazalwe Komkhulu nabo njengonina uStella Sigcau.

“Ubuhlobo bethu apha emaMpondweni buphindaphindene kuba zininzi izindlu zamaSwati ezitshatisele kuthi apha,” uthethe watsho uStella Sigcau.

UStella Sigcau wathiya intombi yomnakwabo ngegama lakhe, wathi nguStella, ngeenjongo zokugcina igama lakhe.