Ungcwatyelwa kuCentane * -Uyinene

Abafundi baseUCT badibene phambi kweSaartjie Bartman Hall ukukhumbula umfundi ongasekhoyo nobulewe kabuhlungu * -Uyinene Mrwetyana

Ingqumbo yoluntu loMzantsi Afrika kwanesimemelelo sesigwebo sentambo kumadoda axhaphaza abantu ababhinqileyo zezinye zezinto eziphala phambili kwiingxoxo kulandela ukuvela kweendaba zokuba umfundi waseUCT * -Uyinene “Nene” Mrwetyana (19) ubulawelwe kwiPosi yaseClareinch eKapa.

UMrwetyana udlwengulwe wabulawa ngumsebenzi wale Posi, okuvalelo lwamapolisa. Emva kweengxelo zokubhubha kukaMrwetyana, obekunyaka wakhe wokuqala esenza iBA: Media and Film Studies, kuthe sa kumakhasi onxibelelwano amanina ethetha ngeentlungu zawo ezandleni zamadoda.

UNene ngokokubizwa ngabo basondele kuye, ngumntu ebezithandela ubomi kwaye esaze ngobuso elizweni.

UNene ugqityelwe ngomhla wama24 kwinyanga ephelileyo neyaziwa ngokuba yeyamakhosikazi esiya eposini eyokulanda ipasile yakhe. Ingxelo ithi zange ade ayithathe ipasile nanjengoko waye wajikwa kusithiwa umbane awukho, indoda yale posi, yamyalela ukuba aze aphinde abuyele ngentsimbi yesibini.

Ingxelo iqhuba ithi ngenene ixhoba laye labuyela ngexesha ebeliyalelwe lona nalapho labe sele livingcelwa ngaphakathi lidlwengulwa yile ndoda. Ixhoba kuvakala ukuba laqala ngokuzilwela kule ndoda phambi kokuba libethwe ngesixhobo seposi esibukhali nekulapho laye loyisakala.

Oku kuye kwadizwa yile ndoda phambi kwenkundla yamatyala eWynburg ngoMvulo ngethuba ivela, nalapho iye yalivuma netyala. Iye yaxelela inkundla ukuba imdlwengule, yambulala, yakugqiba yawutshisa umzimba emva koko yayowufihla kwilokishi yaseKhayelitsha.

Le ndoda ikothuse uluntu emva kokuba iye yaxelela amapolisa ukuba usokolisiwe kakhulu lixhoba kuba libhubhe kade.

Umrhanelwa ushiyeke ngaphakathi eziseleni, nalapho alindeleke ukuvela kwakhona ngomhla wesihlanu kwinyanga yeNkanga.

UNene, ophumelele uGrade 12 eKingswood eMakhanda, ukhulele eMonti efunda eHudson Park. Ukanti ibe mininzi imibutho ethe yathumela imiyalezo yovelwano kolu sapho lakwaMrwetyana, enye yayo iphuma kwiYunivesithi yaseRhodes nekulapho umama wexhoba axelenga khona – nayo ithumela umyalezo wamazwi ovelwano kolu sapho.

Umongameli welizwe uCyril Ramaphosa udize ukuba eli ilizwe lisengxakini yokuphathwa gadalala kwamakhosikazi kwakunye neentsana.

UNene ubekwa kwikhaya lakhe lokugqibela kuCentane ngoMgqibelo. Inkonzo yomngcwabo iza kubanjelwa eAbbortsford Christian Centre eMonti ze umzimba wakhe uyokungcwatywa kwikhaya lakhe kuCentane.