Ungcwatyelwa kuNtabankulu uTantsi

UMANEJALA kamasipala waseMnquma uSindile Tantsi, obhubhe kwingozi yemoto kuhola wendlela uN2 ngaseHarding kumazantsi onxweme laKwaZulu Natal, uzakungcwatywa kule mpelaveki.

Ingxelo yosapho ithi uTantsi uzakungcwatyelwa kwilali yaseChibini kuNtabankulu ngoLwesihlanu, umhla wesixhenxe kule nyanga.

Lo kaTantsi ubhubhe emva kokuba isithuthi sohlobo lweMercedes Benz ebehamba ngaso singqubene nebhaki, emva koko yena nonogada wakhe wabhubha ngoko nangoko. Iingxelo zithi omnye unogada kaTantsi ubhubhele esibhedlele.

Isithethi samapolisa aKwaZulu Natal uLieutenant Colonel Thulani Zwane, uthi amapolisa ayaqhuba nophando malunga nale ngozi. UZwane uthi yatsha imoto ebihamba uTantsi nangona engaqinisekanga ukuba itshile kusini na imizimba yabo babhubhileyo.

Inkonzo yesikhumbuzo ebihlelelwe ukubanjelwa eGcuwa kule veki irhoxisiwe kulandela isicelo sosapho.

UTantsi ubengundaba-mlonyeni kutshanje emva kokubanjwa kwakhe ngezityholo zobuqhetseba obubandakanya izigidi ngezigidi zeerandi kumasipala waseMnquma.

Ebevelile kwinkundla kamantyi waseGcuwa ngoMvulo weveki ephelileyo, ze lahlehliselwa umhla wesibhozo kuCanzibe ityala lakhe.