Ungcwatyiwe obekubangiswana ngaye ziintsapho eMonti

UDE wangcwatywa owasetyhini waseTsholomnqa emva kweeveki ezimbini kubangiswana ngesidumbu sakhe.

UThembeka Dikileyo okhaya likwilali yaseKhiwane eTsholomnqa wasweleka kwingozi yemoto ngomhla weshumi elinesihlanu kuJulayi.

Usapho lakwaTshula akhulele kulo lothuswa kukufika kosapho lakwaYaso kwakulelali ngelicela ukungcwaba umzimba wakhe lisithi ubeyinkosikazi yonyana wolusapho uXolani.

Esi sibini besisaziwa ukuba siyathandana, kwaye unyana wakwaYaso unabantwana ababini kumfikazi.

AbakwaTshula bathi wayekhe wafika ezokuhlawula inxalenye yesisu, wakhupha nemali eyiR5000 esithi unyuka nengalo.

USipho Skama ongumalume kumfikazi uthe, “Sayithatha le R5000 wayesithi yeyokunyuka nengalo ngelithi iR2500 sisazimzi, ize enye iR2500 ibe yimvula mlomo.”

Uqhube wathi, uDikileyo wachitha ixeshana kwaYaso engakhululwanga lusapho, waphinda wabuya ngaphambi kokuba asutywe kukufa.

“Siye sothuka xa bezobanga umzimba, sathi sisakungavisisani basirhuqela ezinkundleni zomthetho,” utshilo uSkama.

Usapho lakwaYaso labhenela enkundleni, lirhuqela usapho lakwaTshula elikhulise le ntwazana, emva kokungabikho mvisiswano kwibango labo lokuba umfikazi ubeyinkosikazi yelikhaya.

NgoLwesine weveki ephelileyo uJaji Selby Mbengane obechophele lo mba kwinkundla ephakamileyo eBhisho ugunyazise ezintsapho ukuba zibambisane zinike le nkosazana umngcwabo onesidima.

Umngcwabo kaDikileyo uqhutywe ngeCawe umhla wamashumi amathathu ananye kuJulayi kwiholo yoluntu eTsholomnqa.

Kwakolusuku bekubekwa nenye yeengwevu zakwa Tshula, nekubikwa lolusapho ukuba isweleke ngelixesha kubangiswana ngomzimba wale nkosazana, emva kokothuswa ngulo mbangiswano.

Iindwendwe ebezizimase lo mngcwabo beziphekelwe kuwo omabini la makhaya. Usapho lakwaYaso luthe luyasamkela isigwebo senkundla, kwaye bekungekho nemfuneko yokuba ezintsapho zisane ezinkundleni.

Olu sapho likwathe akusekho liyakuphinda liyithethe koonondaba ngoludaba. Nosapho lakwaTshula luthe lalizamile ukuba lo mba usonjululwe kungayiwanga kwiinkundla.

OkaSkama obetyunjwe njengesithethi sekhaya uthe, “Esikuvuyelayo kukuba umfikazi ungcwatyiwe emva kwesigunyaziso sejaji eBhisho, ijaji khange iwise sigwebo kwibango elenziwe ngabakwaYaso abasathi ubeyinkosikazi kaXolani.”

USkama ukwathe abakahambisani nebango elenziwa lusapho lakwaYaso elisemi ngelithi uDikileyo uyinkosikazi yelakhaya, lo mbangiswano usengaphinda uvuke.

johnnie.isaac@inl.co.za