IHASHE lomdyarho laseTyekelebende eDutywa, uAndazi, ugule isaquphe esingangeyure wabe kanti uyafa ngoMgqibelo eshiya ngasemva umothuko nonxunguphalo kubalandeli nosapho lwakhe.
Eli hashe, likwazile ukutshintsha indlela ojongwa ngayo umdyarho wamahashe wabantsundu. Ngobukho bakhe uAndazi, ukwazile ukubangela ukwakhiwa kwebala lokuphalisa kuBomela eDutywa, watsala abaxhasi futhi wadala amathuba emisebenzi kwabaninzi.
Imidyarho eze ngodumo lukaAndazi kuBomela, ibitsala omncinci nomdala, ofundileyo nongafundanga, oomama abadala, amanenekazi, oosopolitiki kwanoosomashishini.
Umnini kaAndazi, uNkunzi Ntantala, uxelele I’solezwe lesiXhosa ukuba udumo alenzelwe leli hashe alinambaliso. Iliqela imidyarho ethe yaphunyelelwa nguAndazi.
“Eli hashe uAndazi ndalifumana eBhayi ngo2015. Kwa ukusuka, eli hashe landibonisa imimangaliso, kuba kwakumdyarho wokuqala wakhe uAndazi, owawukuCentane, weza nodumo. Ngonyaka olandelayo (2016), ndaya kwiBerlin November, nalapho wagqwesa waphumelela (iR50 000). Ukusukela ngoko, oko ndafumana udumo ngeli hashe,” kutsho uNtantala.
UNtantala uthi uAndazi ufikelwe yingulo ekhawulezileyo. “Ngelishwa uAndazi uvele akaphila isithuba esingangeyure, emva koko wafa. Ndimzamile ukumsindisa kodwa wandishiya. Kum, uAndazi akafani nahashe, ufana nomntu ngenxa yezinto andenzele zona. Mna andimfanisi nahashe, ndimfanisa nomntu. Yiyo le nto ndiye ndamngcwaba. Into eza kulandela ngoku kukwenza umngcwabo oza kuba nesidima nesithozela.”
UNtantala ubongoza abalandeli bakaAndazi ukuba baxole, esithi akwenzileyo ngale minyaka, naye kumshiya exolile entliziyweni.
“Bantu baseMpuma Koloni, abe bengabalandeli bakaAndazi, ndicela sixole sizingxenge. Nam ndixolile ngoba izinto azenzele nina uAndazi zingaphaya kokuqonda. Kuwe tat’ uNdlovu (Mnu. Mthetheleli Ngumbela), ndiyaxolisa kuba ndiyayazi ukuba ukule meko ndikuyo. Ngoku apha eMpuma Koloni (kuBomela eDutywa) sinebala lokuphalisela esilakhelwe nguwe (Ngumbela), ngenxa yemigudu kaAndazi,” utshilo uNtantala.
Unyana kaMnu. Ntantala, uAbongile Ntantala, uthi kuphele iintsuku ezimbini engayikholelwa naye ukuba uAndazi akasekho.
“Sixhelekile sisonke ngento kaAndazi. Mna mntu obeqhele ukumpha ukutya, ndikhe ndazibhaqa sele ndiyokumpha ukutya ngoku angasekhoyo. Eli hashe belibathanda kakhulu abantu, lithanda ukuphululwa. Ebenayo uAndazi nendlela yokubiza abantu beze kuye, ethanda nokutya. Apha ekhaya silahlekelwe yitshomi,” kutsho uAbongile.
Kubhubhe abayi-45, konzakala omnye kwingozi yebhasi eLimpopo