Ungene zwabha kwezoshishino uDJ Pelloz

Sikhe sambona esabelana ngeqonga neemvumi ezifana nooDj Cleo, ongasekhoyo uBujo Mujo, uDj Monde, uArthur Mofokate kuquka noMzekezeke.

UMaphelo Mbingeleli, odume ngelikaDj Pelloz, yinzalelwane yaseTsomo apha eMpuma Koloni.

Lo somashishini ophume izandla nosele ezinze eNgcobo apho anothotho lwamashishini afana neziko lokwenza iinwele nendawo yokushicilela, uthethe wenjenje, “Ndiqale ukubayinxalenye noshishino ikakhulu kwicala lezolonwabo ngethuba ndingumhlali eRhawutini, apho bendidla ngokujija amacwecwe noDj Smokey noDj Dash kwi-5th Element Entertainment ngo-2005.

Ndathatha isigqibo sokubuyela ekhaya, ndafika ndasungula iPelloz Records evelise uSiyabonga “Samora” Mooi noMzwakuthi “Dj Sash” Mbingeleli”.

Iqumrhu likaDj Pelloz ngaphandle kweloshicilelo lweemvumi, libolekisa ngezandi zomculo, liqeshisa ngooDj, liqeshisa ngeentente, liyahombisa kwimitshato nemicimbi yesintu, bakwenza imiboniso eshicilelweyo bekwasungula nakwicala lobuchwepheshe.

“Bangaphaya kweshumi abantu abaqeshwe isigxina kumaqumrhu am, lishumi elinesihlanu abantu abafumana amathuba ethutyana.

Onke la mashishini aseNgcobo indawo ethwaxwa yintswela ngqesho, kodwa ubukho bam apha bubelulutho kubantu abangamashumi amabini anesihlanu mhlawumbi ebebenolala bengatyanga ngenxa yokungabikho kwengqesho .“ Utshilo uDj Pelloz.

Lo DJ ukhuphe icwecwe elitsha kraca elithi “ Iqobokazana” akhatshwa kulo nguSamora. Kwinyanga ephelileyo uDj Pelloz ubambe iminyhadala yokuzalwa kwakhe eNgcobo, eMthatha, eGcuwa, eMonti naseKomani apho enze ezibukwayo noDj Abza wesikhululo iVukani Fm, eCala.

Ukuqhagamshelana noDj Pelloz ungaya kwikhasi lakhe likaFacebook Maphelo Dj Phellos Mbingeleli.