Ungenelelo lukarhulumente kwimbubhane yooceba eKZN

Inkulumbuso yephondo laKwaZulu Natal uWillies Mchunu udize ukuba kusekwe ikomishini ezakuthi iphande ngeziganeko ezithe gqolo zokubulawa kabuhlungu kwabo bangabagqatswa bombutho olawulayo iANC.

Oku uMchunu ukudize kule veki kwinkomfa yesifo sikagawulayo ebanjelwe eThekwini.

UMchunu ulandele emva kwekhwelo lombutho weANC kwela phondo lokuba urhulumente wephondo makangenelele kwiziganeko zokubulawa kooceba. Sele bedlule kwisihlanu abagqatswa beANC ababuleweyo.

Kutshanje ibengu- Khanyisile Ngobese-Sibisi odutyulwe ngethuba eyokulanda abantwana esikolweni.