UNgozi ugwetywe ubomi ngokubulala idindala

Indoda eneminyaka engama-27, uSiphesihle Ngozi, igwetywe ubomi yinkundla ephakamileyo yaseMthatha, emveni kokufunyanwa inetyala lokubulala owayesebenza njengedindala.

Eli dindala, uDumisani Tiya (37), wayesuka kuzilolongela umdlalo webhola ekhatywayo kwintolongo iWellington eMthatha, eqhuba imoto yakhe kweyeKhala ngo2013.

Xa kanye wayezakungena kwikhaya lakhe eMngceleni ngakuTsolo, wafumana usango luvalwe ngeziqobo.

Wathi xa esajonge oko, kwathi gqi qhaphu uNgozi ehamba nenye indoda, bambetha entloko bamkrwitsha de wabhubha. UNgozi, nowayengumfundi kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu kwikhampasi esePostdam, ekunye nomhlobo wakhe ongekaziwa ukuba wayokutshona phi, babaleka nemoto kaTiya bayokuphosa umzimba wakhe kwidama ekuthiwa yiGinyabantwana ngakwilali iLurhasini kuTsolo. Emva koko bemka nemoto yakhe, isipaji kwakunye nefowuni.

Imoto kaTiya yafunyanwa emva kweentsuku ezisixhenxe iqhutywa nguNgozi eDuncan Village.

Amapolisa ambamba, waze waxela ukuba umzimba uwuphose kuGinyabantwana.

Egweba uNgozi, uJaji Lusindiso Pakade uthe, izenzo zale ndoda zihlasimlisa umzimba, kwaye akabonakalisi kuzisola.

Ukanti ngaphezulu kwesi sigwebo sobomi, ukongezelwe neminyaka elishumi elinesibhozo yokuqhekeza.