Ungqwabalala kakade umfundi obulele omnye

Abafundi baseFort Hare baqhankqalaze ngaphandle kweNkundla kaMantyi eDikeni, apho bekuvela umfundi ohlabe wabulala omnye umfundiUmfanekiso: BHEKI RADEBE

Ngethuba eme eqongeni kwiNkundla yaseDikeni, ebedlala ngomlenze wakhe wasekhohlo, enxibe ibhlukhwe eluhlaza, ezinyaweni eneeflops, kumzimba ongasentla enxibe ijezi ebhalwe “Geology Masters” yesikolo.

Nangona kunjalo yona intlungu nonxunguphalo bezibhalwe ebusweni kuYolanda Nogemane, 24, nongumfundi weYunivesithi yaseFort Hare kwikhampasi yaseDikeni, nojongene netyala lokuhlaba abulale indoda ebencuma nayo, ekwangumfundi uYonela Boli, 24, nekutyholwa ukuba bebehlalisana kwigumbi elinye ngaphakathi esikolweni.

Ibe yimizuzu nje emihlanu eme phambi koMantyi ngethuba evela okwesibini enkundleni, evelela ityala abekwe lona lokubulala, nalapho liye lamiselwa iveki ezayo ityala, apho aza kube efaka isicelo sebheyile.

UNogemane uhlabe wabulala ngemela uBoli kwigumbi labo ekuzeni kusa ngoMgqibelo. UNogemane ngumntu ongqwabalala, engacengi, kodwa enabo ubuntu ngokokutsho kwabahlobo bakhe.

“Linzima kakhulu ityala lakhe uYolanda. Siyayiqonda into yokuba wonile kodwa nenkxaso yethu uyayidinga. Besifuna ukungena ngaphakathi enkundleni kodwa ngenxa yenani asangena. Besifuna abone ubuso bethu nto leyo sicinga ukuba ibiza kuthi imomeleze nanjengoko sele ezisola ngento ayenzileyo. Sibuhlungu kuba yinto engenakuba sajikwa le yenzekileyo,” utshilo uNtombentsha Mdlalo nongumhlobo kaNogemane.

UMdlalo ube ngoyena unxungupheleyo ngethuba ethetha neentatheli ngaphandle kwamasango enkundla. UMdlalo noNogemane ngabelali yaseBandla eNgqeleni, naye ufunda eFort Hare nangona nje engasemva kuNogemane.

Uthi efunda nje kwaye ekula yunivesithi kungoncedo lukaNogemane.

Uthi uNogemane ungumntu onobuntu nangona nje enabo ubungqwabalala. Uthi kodwa isehlo esi sona sibothusile khange basilindele.

“Ewe, noobani na abathandanayo bayaxabana abasoloko bevisisana. Ndidibene naye ngeCawe emva kwesi sehlo kwisikhululo samapolisa eChungwa kungemnandanga esithi uyazisola ngento ayenzileyo. Ndibona ukuba kukhona ziye zibuya kancinci iingqondo ngokwenzekileyo,” uvale ngelo uMdlalo.

Abazali bakaNogemane bahlala eKapa. Enkundleni ngoLwesibini bekuye umakazi wakhe esuka eNgqeleni kwakunye nezinye zezihlobo zakhe. UNogemane ushiyeke ngaphakathi eziseleni eDikeni.

Olilungu leSRC kwicandelo elilwa ubundlobongela, uSesethu Mdekazi, nobekwiqela labafundi ababezalise ngaphandle kwenkundla, uthi umthetho mawudlale indima yawo ulwele uYonela.

Uthi amakhosikazi ayayiqhela mva nje into yokuxhaphaza nokuphatha gadalala amadoda kuba esazi ukuba kuwo akukhonto izokwenziwa.

Ubundlobongela bumacala abujolisanga kwibhinqa kuphela, uthi kungoko bebone kubalulekile ukuphakama.

UMdekazi uthi kuninzi okungabonelisiyo kwikhampasi yabo okufana nokungabikho kokhuseleko oluluqilima kwanokungabikho kwee-ambulensi kwakunye namaziko oluleko ngokwasengqondweni.

Uthi sele bengaphaya kweshumi abafundi abaswelekayo kwaye ingabafana isikakhulu, abanye bayazibulala ngelixa abanye behlabana.

“Kudala sicela ukuba kubizwe imithandazo okanye amagqirha nokuba yintoni ezokucoca uMtyholi ogquba kwesi sikolo, kodwa izicelo zethu ziwela phantsi.

Ngokwamarhe aphuma kwiitshomi zexhoba, ixhoba eli kudala lixhatshazwa nguNogemane.