UNgubane ukhuthaze abafundi eMdantsane

Umdlali owaziwayo kumabonakude uMenzi Ngubane ekunye nenkosikazi yakhe uSiki bebetyelele kwikhaya lale nzwakazi eMdantsane kwimpelaveki edlulileyo.

UNgubane uthathe eli thuba watyelela isibhelele iCecilia Makiwane ngokukhethekileyo icandelo labo banengxaki yezintso. Ukanti nezikolo ezibini kule lokishi iEric Mntonga eNU 12 kunye neMasixole eNU 3, zibe nenyhweba yokutyelelwa ngulo makhwekhwetha womdlali kamabonakude.

Kutyelelo lwakhe UNgubane esibhedlele, wenze ambalwa amazwi enkuthazo kwabo bebelele ngandletyanane eMakwine. UNgubane ukhe wangena ephuma esibhedlele kwiminyaka edlulileyo ehlutshwa yintso. Emva kweminyaka ehamba unyango, wade wayifumana intso kumSamariya olungileyo, kwaye kungokunje ubonakala ephilile.

Xa ebuzwa ngendlela aziva ngayo emva kotyelelo lwakhe eCecilia Makiwane, ingakumbi kwicandelo labo bangengxaki yezintso, nanjengoko naye esuka kwisimo esinjalo, uNgubane uthe, “Ndibe neenkumbulo ezibuhlungu, nendithe ndakucinga apho ndibuya khona kwabuhlungu entliziyweni, iminyaka ndiquqa ndibuyelela esibhedlele, ukuhlala kweza bhedi, ulilolo, maxa wambi kungekho nabantu abakutyelelayo.”

Kutyelelo lwakhe e-Eric Mntonga, naseMasixole, uNgubane unike amazwi enkuthazo kubafundi bezi zikolo, nalapho ethe wagxila kumba wokubaluleka kwemfundo. “Umfundi ngamnye umele abenesitshixo sokuvula iingcango kwikamva lakhe, kwaye eso sitshixo yimfundo,” utshilo. Ubongoze abafundi ukuba bohlukane nabahlobo abangabenzeli nto, “Ubumnandi abuyi ndawo, utywala abuyi ndawo, kwaye xa ufunda awenzeli bazali bakho, nazititshala zakho, koko isiqu sakho. Abazali xa bekunika imali yokuba ufunde, bencama yonke into, abenzeli bona, koko wena,’’ wongeze ngelo uNgubane kubafundi ebebemamele ngomdla.

Ukwabongoze abafundi ukuba abo banomnqweno wokuba ngabadlali kwimidlalo kamabonakude ukuba baqinise ezifundweni zabo kuqala, ukuze xa izinto zingahambi kakuhle, babenento yokubambelela.

Emva kolu tyelelo ezikolweni naseMakiwane, uNgubane uye kudibana nenkosikazi yakhe uSiki, nobematasatasa kulungiselelwa itheko likamakhulu wakhe obegqiba iminyaka engamashumi asibhozo.

Ukanti akakhange akwazi ukuya kuvela eFrere ngenxa yexesha elithe alabi ngecala lakhe.

UNgubane ukhe wadlala kwimidlalo emininzi ukubalula nje embalwa, Kwakhala Nyonini, Ubambo Lwami, Generations, Gaz’lam, Gold Diggers, Ashes to Ashes, ukanti ngoku udlala kumdlalo othi Isibaya.