Ungumkhwetha umfundi wezobugqirha

AKANAVALO ngokoluka isintu umkhwetha ongumfundi wezifundo zobugqirha kwelase Cuba. Nangona elisiko lesintu lambethwe lityheneba lokubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni, uAbenathi Mgqebisa okhaya lise Lady Frere sele egqibe iintsuku ezisibhozo esesuthwini. Uthe, nangona amanani wabakhwetha ababhubhe bese suthwini kweliphondo khange abe naloyiko lokuhamba indlela yobudoda. Oka Mgqebisa ukwathe akalindelanga zingxaki kuye kwizintsuku ezisaseleyo eseSuthwini.

“Andikhange ndoyike ngenxa yalanto kuba ndazi ukuba kowam umzimba akukho sifo nasibi sinokungena kuba ndingumntu okholwayo,”uthethe oko. Uye kufundela ubugqirha kwelase Cuba emva kokufunda kwisikolo samabanga aphakamileyo iCacadu eLady Frere kwaye uthi akathandabuzi ukuba uzakuzigqiba ngaphandle kwengxaki izifundo zakhe. “Akukho mntu undinyanzele ukuba ndalukele apha ndizikhethele kuba andinangxaki nendlela ekuqhutywa ngayo elisiko apha,ulwazi lam nalo luyanceda,”uthethe oko uMngqebisa.

“Ukugqiba kwam izifundo zam ndinqwenela ukuza kudlala indima yam nje ngogqirha ndincedise ilizwe loMzantsi Afrika kwinzame zokulwa ingxaki ezibangela ukubhubha kwabakhwetha eMpuma Koloni,”utsho.

Ngabakhwetha abangamashumi amabini anesithandathu abathe babhubha ukusukela oko liqalile ixesha lokwaluka lasebusika kulonyaka.

UMgqebisa uthi akathandabuzi ukuba yintsebenziswano yabantu kunye namasebe karhulumente oku nokuphungula ingxaki zokwaluka. “Nokuba umntu angolukela esibhedlele okanye entabeni mna andiboni ngxaki kuyo yonke lonto, endikwaziyo kukuba impumelelo yesiko ixhomekeke kumkhwethwa nekhankatha lakhe,”uthethe watsho uMngqebisa.

Uhambisa athi ukuhlonitshwa kwenkolo yesiNtu kubalulekile kuba nayo inazo indawo ezilungileyo,utsho logqirha usakhulayo. “Ndisebenza kakuhle nekhankatha lam zikhona izinto endizifundayo kuye ezihambelana nemicimbi yezempilo,yona imeko yalapha ilungile andinangxaki nayo,”uchaze oko uMngqebisa.

Urhulumente welizwe loMzantsi Afrika wanika igunya umbutho we TB/HIV Association ukuba isebenzise ulwaluko lasesibhedlele nje ngendlela yokuphungula ukosuleleka kwabantu sisifo ugawulayo.

Ugqirha lo uphumile efukwini emva kokuba egqibe iintsuku ezisibhozo nezizona zibaluleke kakhulu kwelisiko ngaphandle kwengxaki. Kwinyanga ephelileyo usekela umphathiswa wesebentsebenziswano kurhulumento nemimcimbi yemveli uObed Bapela uxelele oonondaba ukuba iMpuma Koloni lelona phondo limnika ingxaki ngamanani aphezulu abantwana ababhubhela eSuthwini. ”IMpuma Koloni, uMntla Ntshona, iRawuti ne Limpopo ngawona maphondo anika ingxaki kweli,”utsho uBapela.