UngumKristu okanye akunguye!

Sele isisonka semihla ngemihla ukuxhwithana ngemicimbi yenkolo neenkolelo. Uthi okholelwa kokuthile asukelane nabakholelwa ngakumbi. Wumbi uthi ekholelwa koku abe ekufuna nokungokunye okungaphandle kwemimiselo yenkolo yakhe.

Inkolo yobuKristu ibhalwe phantsi, izimiso zayo namasiko ayo. Ngenxa yobunganga bayo iqokelelele kuyo uninzi lwabantu, ekukho kubo nabayibambe ngesokunxele.

Owona mmiselo uqhokra uninzi kule nkolo kukuba ayixutywa; inekhwele elikrakra. Kangangobukrakra bekhwele layo kukho imbali ebhaliweyo ngoThixo wayo, onguYehova igama lakhe, apho abantu wathi wabaselela phantsi komhlaba ngenxa yokunqula thixo bambi – izithixo ke ukutsho; abanye ngenxa yobuhenyu, njalo njalo. Ikhwele lakhe uThixo wobuKristu alinganga nto ukuba angabambelana nathixo bambi.

Oku kwenza ukuba umntu abe ungumKristu okanye abe akanguye.

Ngamafutshane nanquphayo, akukwazi ukuthi ungumKristu kanti usabambelele kwizinto ezichaseneyo nabo, enokuba ezo nto ziyimveli/imvelela yakho na.

Le yinkolo engakwamkeliyo ukwabelana kwaye ayidlelani nezinye iinkolo. Esinye sezithethe zayo nemimiselo kukuba abo bangena kuyo babe baguqukile, abasengabo abo bebezelwe bengabo.

Kungako ke usiva kuthethwa ngenguquko, kungokuba umntu kufuneka aguquke ngokuthi alahle konke okumenza lowo ebenguye okuchasene nobuKristu. Nqwa nobuSilamsi.

Iyalubhuqa ke uninzi le mimiselo nemithetho. Abantu bathi beyifuna le nkolo kodwa babe besafuna ukubambelela kwizinto zakumawabo ezichaseneyo nayo. Angangoboya benja amahlelo obuKristu ke ngoko ngenxa yokuxunela ukulungiselelana ngezi ndawo. Kukho abanga bangazikroncula iindawo ezithile ezibhaliweyo ngobuKristu kuba zisalana namasiko akumawabo. Kwelinye icala ngabazigcina zinjengoko zinjalo izinto ezibhaliweyo – abagcinimthetho namasiko obuKristu, abaguquke nozwane.

Ndike ndanengxoxo etshisa ibunzi nomnye umfo ke, sisahluka kanye ngezi ndawo. Ndimtyhilela emibhalweni indawo ethi “Uze ungabi nathixo bambi ngaphandle kwam, kuba mna Yehova Thixo wakho ndinguThixo onekhwele.” Ndibuya ndimtyhilele ethi “Musani ukulahlekiswa, abakhonzi bezithixo namanxila nabenza umbulo nezifebe namabawa nabakrexezi abayi kungena ebukumkanini bukaThixo.” Ndimtyhilele enye ethi “Akusekho mGrike namJuda, bonke ngabantwana bakaThixo.” Ngezi ndawo ke bendimangalela ingxoxo yakhe ebisithi yena ungumKristu ongumAfrika, akanoziyeka izinto zakokwabo.

Lithiwa ke ndim, ukuba ubani uyazenza ezi zinto nekuthiwa umntu ubangaphandle elifeni lobuKristu ngenxa yazo, ufana ezibulala ngelize, akanamvuzo ebuKristwini.

Abantu ziyabaphoxa ke ezi ndawo, njengogxa wam lo, kuba bafuna ubuKristu kodwa babe bengazimiselanga kubufeza. UbuKristu kaloku bobu buthi “Bhubhisani kuqala amalungu enu emvelo ukuze nibe zizidalwa ezitsha.” Oku ke kuthetha ukuba akunakuthi ungumKristu kodwa ube usabambelele kwizinto zemveli ezichaseneyo nemimiselo yobuKristu. Le nkolo ayinayo indawo ekuthiwa yeyoongxabalaza namalulwane; ingumzila wempuku. Ukuba akuzifezi izimiso zayo akukho kuyo. Ikwayile nkolo inye kaloku eyagxotha abantu ababefuna ukubhabhatizwa emlanjeni iJodani, suka kwathiwa “Nzalandini yamarhamba, nixelelwe ngubani na ukuba niyisabe ingqumbo ezayo? Velisani kuqala iziqhamo eziyifaneleyo inguquko.”

Esi senzo sasikukunqanda abantu ababefuna ukungena kule nkolo kodwa besabambelele kwizinto zabo ezicekisiweyo yiyo, kusithiwa ke ngoko mabazilahle baguquke, bandule ke ukungeniswa.

Zidala iinkani ke ezi ndawo kumalulwane esingawo, esithi singapha sibe singaphaya.

Umntu makaqiqe kakuhle aziqonde ukuba ufuna ntoni na kanye, angabi nguzithebezonke kuba uya kusuka angabi nandawo nakweliphi na icala. Zizinto zimbini, kukuba ungumKristu okanye akunguye. Qwaba ke! Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.