Ungxamele ukunyanga othweswe isidanga yiWSU

NguGqirha wokuqala kusapho lwakhe kwaye engumntwana wokuqala ukufumana imfundo enomsila kokwabo.

Lo nguBathini Baphiwe Gqwaru, onguGqirha Gqwaru namhlanje emva kokuthweswa isidanga sezoNyango yiYunivesithi yaseWalter Sisulu eMthatha.

UGqr. Gqwaru, 24, wazalelwa ze wakhulela eMbizana. Wenze amabanga aphantsi eSt Patrick’s SPS, eBizana Village JS, waze wadlulela eSt Johns College apho aphumelele khona iMatriki.

UGqwaru ngomnye phakathi kwentaphane yabafundi bezoNyango baseWSU abaqhayise ngempumelelo yabo kumakhasi onxibelelwano izolo (ngoLwesihlanu).

Engawuvali umlomo, ebalisela I’solezwe lesiXhosa, uthi bekungelula.

“Ekugqibeleni, ndingathi ndigqibile, okwangoku. Emva kweminyaka emithandathu ndingathi ndiphumle,” kuthetha uGqr. Gqwaru emva kokuthweswa isidanga seMBChB.

Uthi unyaka wakhe wesibini kwezi zifundo zoNyango wawunzinyana, kuzalwa intombi yakhe, ngelixa kwelinye icala umama wakhe elahlekelwa ngumsebenzi.

Uthi kulapho kwaye kwafuneka aqalise axhase usapho lwakhe ngezemali ngelixa kwelinye icala ekwangumfundi.

“Kodwa andifuni kunaba kakhulu ngaloo minyaka, ngoku ndigqibile, ndichulumancile, ndingxamele ukuqalisa ngomsebenzi,” kutsho lo gqirha.

UGqr. Gqwaru uthi unomdla wokunyanga kwicandelo labantwana (paediatrics) nenyuroloji xa izinto zimhambela kakuhle.

“Eli cala lelona ndilithandayo kwaye abantwana ndiyabathanda. Ndingathanda ukunceda abantwana, ingakumbi abasezilalini,” utsho.

UGqr. Gqwaru uthi abantwana abanesigulo sokugogeka kwamalungu omzimba (cerebral palsy) bafumana ubunzima kwaye yena angathanda ukufundisa banzi ngesi gulo.

Okwangoku uthi ufuna ukuya kuziqhelanisa nomsebenzi (internship) eAddington Hospital eThekwini.

Uthi angathanda ukubulela usapho lwakhe ngenkxaso, ingakumbi kumama wakhe oqinisekise ukuba uyagqiba esikolweni.

UGqr. Gqwaru uthi ngowokuqala ukuba nguGqirha kwaGqwaru, kwaye engowokuqala ukuya eyunivesithi, esithi oku kuthetha ukuba uvulele abeza emva kwakhe indlela.

I’solezwe lithi halala! kuni nonke nithwele izidanga kumacandelo ngamacandelo!