Ibhungcile iKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo ekulaleni ibaliwe entolongweni izolo, emva kokuba amagqwetha akhe athe afumana imvume yokunwenwiswa kwexesha lebheyile lalekumkani. Izolo ibilusuku lokugqibela lokuba ikumkani iyokuthothoza, kodwa amagqwetha ayo akwazile ukucenga umbuso, ekubeni ubenemfesane. Umbuso uvumile ekubeni xesha lebheyile liqhube kude kube ngomhla wamashumi amathathu kule nyanga.
Othetha egameni lekomkhulu uMfundo Mtirara uthi, benze amacebo omzuzu wokugqibela ukuthintela ukubanjwa kwale kumkani.
“Zikho iinzame ezenziwe ngamagqwetha wethu amatsha ngelizama ukuthintela ukubanjwa kuka Kumkani,” utshilo uMtirara.
Le kumkani ilishiye lodwa ikomkhulu layo eBumbane, isiya kuzimela kwindlu ethile eNkululekweni eMthatha.
Idabi lokuba angayi entolongweni uDalindyebo, lingqinwe nangumbutho weeNkosi zemveli kweli iContralesa, ngomlomo wosihlalo walo mbutho ephondweni, uNkosi uMwelo Nonkonyana.
“Siwenzile amalinge okucenga i-ofisi yomphathiswa wezobulungisa (uMichael Masutha) kwakunye nekamongameli silinde iziphumo zoko, kwaye asikalahli themba nangoku lokuba uzakuxolelwa uKumkani uDalindyebo,” uhambise watsho uNonkonyane.
Ngethuba ligaleleka kumasango endlu yaseNkulekweni iphepha-ndaba I’solezwe lesiXhosa, ligagene negquba loonogada benkampani iCaculama abathe abavuma ukuba singene ngaphakathi kwelo khaya.
“Ewe ulapha yena uKumkani, kodwa asisoze sivume ukuba ningene ngaphakathi, kuba asiyazi ukuba beniyivaphi kwale yokuba ulapha uKumkani,” utshilo uNogada.
Ukanti ingxelo yesebe lezobulungisa kuzwelonke, idize ukuba uMasutha usifumene isicelo sokuxolelwa kukaDalindyebo, kwaye la-ofisi isasijongile.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party