Unike ubungqina enkundleni owabethwa engumkhwetha

INKUNDLA kamantyi eNgqeleni ive okokuqala ubungqina ngokuhlaselwa kwabakhwetha abahlanu nekwabhubha omnye kubo kweyeKhala kunyaka ophelileyo.

Ingqina lenkundla uNcedo Madlala, oneshumi elinesibhozo leminyaka ubudala nongomnye wamaxhoba uchazele inkundla ngendlela ababethwa ngayo ngabarhanelwa, neyakhokelela ekubethweni kubulawe uAmahle Mhlekude. Abo basindayo bachitha iinyanga ezintathu esibhedlele.

Oku kwenzeka kwibhoma elikwi lali iQhokama. Abarhanelwa uAvuyile Mfitshi oyingcibi, uLihle Ntsunte, noSphamandla Noplatana bajongene netyala lokubulala nawokubetha ngenjongo zokwenzakalisa ngokumasikizi umzimba.

Ingxelo ithi, la maxhoba abethwa ngenxa yokuba ayetyala ingcibi imali yokubolusa.

UMadlala uxelele inkundla ngendlela abahlaselwa ngayo ngabarhanelwa kubusuku besiganeko. “Kwafika uAvuyile Mfitshi, uSphamandla Noplatana noLihle Ntsunte kwisithuba sentsimbi yeshumi elinanye ebusuku basifuna imali sabaxelela asinayo baqala ukusibetha.

Emva kwexesha elide sibethwa uAmahle wacela ukugoduka bamvumela waphuma kodwa emveni kwethutyana uAvuyile wathi kuLihle makamlande phandle ambuyise ngentonga,nyhani wangena embetha” kutsho Madlala.

Uqhube wathi “U-Amahle wabethwa de wawa isiqaqa bamgalela amanzi ngaphambi kokutsalela umnxeba abantu abadala. Kamva kwagaleleka isithuthi sezigulani sabalekiswa esibhedlele silimele ngokumasikizi entloko nasemzimbeni.”

UMhlekude wasweleka kamva esibhedlele ngenxa yomonzakalo wokubethwa. Ngokwengxelo ukubethwa kwabakhwetha kwathatha ngaphezu kweyure ezintathu.

Amagqwetha abarhanelwa atshintshiselene ngeqonga ehlohla ngemibuzo kweli ngqina lakwaMadlala nelibonakalise ukungagungqi kwinto eliyithethayo.

Igqwetha likaNtsunte uVelile Mgcotyelwa ubuze uMadlala ukuba akazange aphazamiseke kusini na, ngethuba elimele entloko nto leyo ingadala ukuba abone izinto ezingekhoyo.

UMadlala uthe, wambona umrhanelwa uLihle ehlasela uMhlekude, embetha ngentonga.

UMgcotyelwa uthe uNtsunte wayengenasizathu sokubetha abakhwetha ngobusuku besiganeko kuba babengamtyali mali.

Igqwetha likaMfitshi ongumrhanelwa wokuqala kwelityala uMnu Ford lixelele inkundla ukuba ummangalelwa uzakuxelela inkundla ukuba wayelele ngelixesha atyholwa ngokuhlasela abakhwetha.

Eli gqwetha libuze uMadlala ngezizathu zokungayibhatali ingcibi uMfitshi.

Ityala limiselwe umhla we-31 Oktobha. Kulindeleke ukuba inkundla ive ubungqina bamanye amaxhoba nabazali.