Unikwe ibheyile ofunyenwe enomkhono wekati

Uphume ngebheyile engachacwazanga uMelikhaya Mzimba (24) welali yaseNdakana eNgqamakhwe obevele kwiinkundla zamatyala emva kokufunyanwa enompu ongenazimpepha mvume.

UMzimba ubanjwe kuLwesihlanu weveki ephelileyo ngorhatya kwikhaya lakhe. Ubevele kwiinkundla zamatyala eNgqamakhwe ngoMvulo.

Iingxelo eziphuma kuKapteni Jackson Manatha zithi uMzimba ubanjwe kwindawo yentselo ngamapolisa ngethuba amapolisa ala mmandla esenza ugqogqo.

UManatha uthi, umpu uzakuya kuvavanywa ukujonga ukuba akhange ubandakanyeke kusini na kulwaphulo-mthetho.

Lo mpu ufunyenwe uneembumbulu ezintandathu.