Unikwe isidanga sobugqirha uNene

Emva kobumnyama, kuyakhanya, oku kucace kakuhle kwiziganeko zakutshanje kulowo wayesakuba ngumphathiswa wesebe lezimali uNhlanhla Nene nothe wanikwa isidanga sobugqirha kwiMangosuthu University of Technology izolo.

Ukunikwa kwakhe esi sidanga uNene kuza emva kokuba esandula kufumana isikhundla kwibhodi elawulayo kwinkampani iAllan Gray.

UNene uphuma kwixesha ebelimnyama kubomi bakhe emva kokugxothwa njengomphathiswa wesebe lezimali ngumongameli uJacob Zuma. Emva kokushiya kwakhe njengelungu lepalamente lombutho we-ANC kwabakho iingxelo zokuba uzakuthatha isikhundla kwiBrics Bank.

La yunivesithi ithi, ibineenjongo zokunika lo kaNene isidanga sobugqirha kwangaphambi kokuba akhutshwe esikhundleni sakhe nje- ngomphathiswa wesebe lezimali.

Le ngxelo ithi, esi sidanga sobugqirha kukunika imbeko kwiinzame zikaNene zokuqinisa imeko yezimali zeli ngamaxesha anzima, lo gama ebekwakhusela iinkampani zikarhulumente eziphantsi koxinzelelo ngenxa yobuqhophololo.

Ukanti othethe egameni lenkampani yakwa-Allan Gray uIan Liddle uthi, amava kaNene kulawulo lezimali nakulawulo lemicimbi yoluntu atsale umdla wabo.

“Siyavuya kakhulu ukuba nomntu ofana noNene kwibhodi yethu, kwaye siyavuya ukufumana ukuba ukwamnkele ukutyunjwa kwakhe,” utshilo uLiddle.

Ojongene nezimali kumbutho weDA, uDavid Maynier unqwenelele uNene impumelelo kumsebenzi wakhe kula nkampani.

“Iyothusa kakhulu indlela athe waphathwa ngayo lo kaNene nguJacob Zuma kunye nombutho we-ANC,” utshilo uMaynier.

Ukugxothwa kukaNene kubangele ingxoxo eninzi kakhulu kwabezopolitiko nakweminye imikhakha yentlalo kweli loMzantsi.

Konke oku kubangele ukuba kutyunjwe uDes Van Rooyen njengomphathiswa wezimali iintsuku ezimbalwa kakhulu, kwaza kamva kwabuyiselwa uPravin Gordhan emva koxinzelelo olathi labekwa kuZuma ngabezopolitiko.