Unina kwikhwarantini, bona bagcwele ilali

Unina kwikhwarantini, bona bagcwele ilali

Inkosikazi engumsebenzi wesibhedlele saseGlen Grey eCacadu, ithathwe ngoLwesithathu weveki ephelileyo ngamagosa eSebe lezeMpilo emva kokufunyaniswa ukuba inekhorona.

Okona kubuhlungu kukuba ngethuba ithathwa le nkosikazi, ishiye abantwana bayo abazintombi bebodwa, nabathe bathenjiswa ngamagosa ukuba baza kuthathwa nabo kungekudala benziwe uvavanyo.

“Bafike ngoLwesithathu bathatha umama, bathi baza kusifowunela basixelele ukuba senze ntoni, abakhange bafowune kude kwangoku (8 Silimela),” kutsho omnye wabantwana.

Ezi ntsizana zinexhala le nto ezingayaziyo nokuba yintoni, kodwa zidinga uncedo nokuba luvela ngaphi.

“Asiyazi ukuba masithini, siyoyika, asiyazi ukuba abantu basijonga kanjani, kwaye kuyabonakala ukuba kukho abakwaziyo,” itshilo enye intwazana.

Aba bantwana ngokomthetho kumele ukuba benziwe uvavanyo begcinwe kwindawo eyodwa ukuze bangosuleli abanye abantu ukuba bachaphazelekile.

“Siyahambahamba, kaloku kudala sihleli silindele ukuva kumagosa esebe lezeMpilo, kwaye akukho ngxelo ibithe thina sineKhorona,” utsho.

Ububhutyubhutyu obuqhubeka kwisibhedlele saseGlen Grey malunga nesifo seKhorona okanye kwisebe leMpilo eMpuma Koloni kungunobangela woku.

Ngethuba lifika iphephandaba I’solezwe kweli khaya bekungekho nenye into eyenziwayo ekhusela ukosulelana ngesifo seKhorona.

Kumalungu osapho amabini aziintombi zomama olele esibhedlele bekungekho namnye kubo onxibe imaski, abakhange bayinxibe nangona bethetha nomntu osuka ngaphandle, bekungekho nasanithayiza kweli khaya.

Abantwana balo mama zintombi ezintathu eziminyaka ilishumi elinesithathu, ishumi elinesihlanu neshumi elinesibhozo.

Igosa eliphezulu kwisibhedlele saseGlen Grey elicele ukuba igama lalo lingadizwa lithe: “Aba bantwana bangumsebenzi woMasipala waseMalahleni, ngunina kuphela esimthathileyo, kwaye asinabo abasebenzi abaneleyo bokwenza le nto,” utshilo.

Abasebenzi besibhedlele saseGlen Grey baqhube uqhankqalazo olunyanzelisa ukuvalwa kwesi sibhedlele ngoMvulo, ngenxa yento abayibize ukuba kukungakhuseleki.

Oku kusemva kokunyuka kwenani labasebenzi abaquka abongikazi abalishumi elinesihlanu ngokwenani langoMvulo wale veki.

USizwe Kupelo osiSithethi seSebe lezeMpilo eMpuma Koloni akakhange aphendule kwimibuzo ebesimthumelele yona malunga nale ngxaki.