Unjani umfanekiso kaQamata, uThixo?

Izizwe zikaNtu zimazi uNkulunkulu, uThixo, uQamata njengomntu ohloni nohloniphekileyo, kangangokuba ukuba uya kumaXhosa awakhombi ngomnwe phezulu ezulwini, akhomba ngenqindi kuba boyikisela ukuba lo mnwe awusayi kuphinda ugobe ngenxa yokuba umntu ongamhloniphiyo uQamata ushwatyulelwe.

NgokwesiNtu abantu abanayo ingqikelelo ethi ibonise ukuba uQamata ngumntu onjani na. Kungokunjalo nakwiZulu, izizwe zikaNtu azinawo umfanekiso-ngqikelelo weZulu apho uQamata ahlala khona.

Umntu ophilayo akakwazi kuthetha ngqo noQamata, uthumela izinyanya, ukuba ziye kummela kuMdali, uQamata.

UQamata ngumniki wobomi ubizwa ngalamagama: UnguMdali, unguSonininanini, unguPhezukonke, unguNkulunkulu, unguNtu, unguMveli-ngqangi, unguSolufefe, njalo-njalo.

NgokwesiNtu kukholelwa ukuba uQamata uThixo wesiNtu uhlala eZulwini kweleSithathu. Xa uQamata ehlala ezulwini kwelesithathu, ngubani ke ohlala kwelesibini nakwelokuqala izulu?

Impendulo inye ithi, abantu bakwaNtu bakholelwa kubukho bamazwe amathathu: ilizwe lokuqala kusemhlabeni; ilizwe lesibini kukwaNtsonganyawana; ilizwelesithathu kuseZulwini. Emhlabeni: Ilizwe lokuqala ngokwenkolo yesiNtu kuthiwa kuseMhlabeni.

Lilizwe esikwaziyo lona ukulibona ngeliso lenyama, emhlabeni ke kuhlala abantu nezilwanyana; kulapho kukhula khona amayeza neengodo zokubhilabhila abantu; ilapho imilambo yokusela nokuhlamba, zilapho nezityalo ezifana nengca ezikukutya kwabantu nezilwanyana, zilapho iintaba namawa ahlonitshiweyo apho kukho nemiqolomba namangcwaba abaThwa neenkosi zesizwe.

Emhlabeni kulapho kungcwatywelwa khona abantu abasanduleleyo. Imihlaba emininzi ixabisekile kwaNtu ngokuba kulapho akhoyo amanxiwa namangcwaba oothilethile abaziwayo nabadumileyo nabahlonitshiweyo ngenxa yendima yabo abayidlalayo besadla amazimba. Eminye imihlaba ixabiseke ngemithi ethile efumaneka kumahlathi aziwayo, eminye imihlaba ixabiseke ngenxa yamatye exabiso okwenza iimbola zokuhomba ezifana namachitywa nocumse. Amanye amatye afana neMbo bekuhonjwa ngawo kusenziwa izacholo nemiliza.

Kwantsonganyawana: Ilizwe lesebini ngokwenkolo yesiNtu, kuthiwa kukwaNtsonganyawana. Abanye bathi lilizwe lemiMoya, abanye bathi lilizwe labalele ukuthula, ilizwe lamathongo, ilizwe lezinyanya.

Eli ke lilizwe lengqikelelo; lilizwe apho kuhlala khona abantu emva kokuba befile. Apho izinto azijikanga basahlala ngalaa ndlela yabo yemveli, izindlu zakhona ngoongquphantsi, zisasindwa ngobulongwe. Ngokwenkolo yakwaNtu ukufa oku ayisosiphelo sobomi.

Umntu ofileyo kuthiwa uthabathe uhambo oluya kwaMasonganyawana. Yiyo nale nto umntu mandulo wayengcwatywa nezi zinto: umnqayi wakhe, ukhuko ebelala kulo, inqawe yakhe, icuba, isikhwebu sombona, namazimba.

Kunye nazo zonke izinto aya kuthi azisebenzise kwelo lamathongo, izinto ezingumphako wakhe. Abantu abaNtsundu bayakholelwa kubomi ngaphaya kwengcwaba.

Yiyo le nto kukho ezi ntetho xa kuthethwa ngomntu oswelekileyo, kusithiwa: ubiziwe, usibile, uhambile, ugodukile, usishiyile, usizimele, ulele ukuthula, ulele kobandayo, uyibekile inqawa, uye kwelemimoya, uye kweloo khokho, amawabo ambizile, uyibophile imithwalo, uyokubonana nooyisemkhulu, uyokubonana noomawomkhulu, akafile, ulele ubuthongo banaphakade, usilungiselele indlela nathi siyeza, hamba uyokusilungiselela indawo kwelemimoya ukuze sifike nathi sesinendawo.

Ukungqina oku imbongi uD.L.P. Yali-Manisi uthi xa ebonga ngokubhubha kukaW.B. Rubusana, ubonga ngokungathi uhleli: “Hamba Qhanqolo kulungile, Hamba kakuhle kamnandi, Uye kwelo khaya lozuko,Ubik’usapho lwe-Afrika, Luphalele njengamanzi amdaka!”

Xa ebonga ngomfi uMeshack Pelem, uthetha naye ngolu hlobo: “Hamba mfondini kaPelem, Akukho kufa kunjani, Sonk’indawo yethu ilapho, Namhlanje kuhamba wena, Ngomso kolandela thina, Hamba neli lizwi, “I-Afrik’ikhedamile!”

Xa ebonga ngomfi uS.E.K. Mqhayi, uthetha naye ngolu hlobo: Hamba thole leduna kulungile, Nguwena wosilungiselela, Sifike nathi sinendawo!” Abantu abaNtsundu bakholelwa ekuthini umntu oswelekileyo osisinyanya ujongene nempilo yabasahleliyo. Yiyo le nto ungamva umXhosa esithi: izinyanya zakowethu zindijongile, izinyanya zakowethu zibe nam, amawethu andijongile, amawethu abe nam, ndisindiswe ngamawethu, ndifunga amaNantsi ephelele; sesifuna kuphela oku kwethambo lakhe; yindaba yemilowo.

Xa ke kukubi umntu esehlelwa ngamashwa kungekho nto ilungayo womva ekhala esithi: iminyanya yokowethu indifulathele, iminyanya yakowethu inding’ong’ozele, amawethu andilahlile, ndingayihlaba kanjani inkomo ndedwa ngoba amawethu akaphelelanga, uchithekile umthi emasangweni, amawabo amnikele umva, uwanikele umva amathambo ooyisemkhulu nezinyanya zakowabo; amangcwaba ooyise agquba iinkomo; amawabo amsingele. Aba bantu abakwilizwe lakwaNtsonganyawana babizwa ngamagama amaninzi, nanga la magama, kuthiwa: zizinyanya, yiminyanya, zizihlwele, ngoomakhulu, ngoomawomkhulu, ngookhokho, ngamathongo, ngamawethu, ngamanyange, zizilo zekhaya, ngabaphantsi. zizikhawukhawu, ngoonomathotholo, ngabalele ukuthula, ngabantu abadala, ngabaphantsi. Abantu abaNtsundu bakholelwa ekuthini izinyanya zabo zihlala kwezi ndawo; enkundleni; ehlathini (engetheni); entabeni; emiqolombeni; nasemilanjeni.

Inkundla: Inkundla yindawo ephakathi kwezindlu neentlanti zekhaya. Xa izinyanya ziphiwa ukutya kuphalazwa igazi lesilo, esinokuba yinkomo okanye ibhokhwe phaya ebuhlanti ezantsi emthonyameni.

Ihlathi: Ehlathini, okanye engetheni ngokwentlonipho yesigqirha, kulapho kukho ixolo lomthi neyeza lokunyanga abantu.

Intaba: Entabeni, kulapho bekusithi xa ilizwe limaxongo lifile, mhla ngemfazwe imikhosi ibihlanjwa khona kusetyenziswe intsizi neyeza lokuqinisa imikhosi ukuba ibuye noloyiso emfazweni. Ibhelempe, iphondo lokuqokelela umkhosi belikhaliswa ngumntu ome entabeni, kuthiwe kuhlatywa umkhosi.

Imiqolomba: Emiqolombeni esemaweni nasezintabeni, kulapho bekuhlala khona abaThwa, benamayeza okunyanga izifo. AbaThwa bebenamayeza, bekwazi nokuqhola izidumbu baziqwayite besebenzisa iintsizi ukuze zihlale amawaka eminyaka.

Umlambo: Emlanjeni, emzini omkhulu, kulapho zifika izizwe zidibana khona; xa kusendiswa; xa kusaluswa; xa kuswelekiwe; xa kuthwaswa umntu eza kuba li gqirha lomlambo; apho enza intambo yento aza kuba yiyo. Apho kukhiwa khona amanzi okusela nokupheka; apho kuhlanjwa khona imizimba kukhuhlwane khona imihlana nalapho kukhiwa imfuyo isela khona.