UNjingalwazi Mfenyana uthi makubonelelwe abafundi abahluphekayo

Injingalwazi edla umhlala phantsi uKhaya Mfenyana uthi mababonelelwe abafundi abaphuma kumakhaya ahluphekayo ngokuba ingenyuki kubo imali yokufunda kunyaka ozayo.

Le njingalwazi ingena kule ngxoxo kanye ngexesha abantu, izifundiswa nabafundi eMzantsi Afrika bekhangela isisombululo kumkhwazo owenziwa ngabafundi wokuba kupheliswe intlawulo.

“Ayinakusebenza le nto yokupheliswa kwentlawulo xa inokwenziwa ngexesha elinye, kufuneka ukuba yenziwe ngamanqanaba ahlukileyo. Elokuqala kukuba ingenyuki imali yokufunda kubantwana abaphuma kumakhaya ahluphekayo, logama inokuyekwa inyuke kwabo banabazali abafana nam abonokuhlawula ngaphandle kwengxaki,” uthethe watsho uMfenyana.

Isebe lemfundo ephakamileyo kuzwelonke livakalise ukuba alinakumelana nokuba abafundi bangahlawuli kumaziko emfundo ephakamileyo. Lo mcimbi uyaxoxwa kumanqanaba ahlukileyo entlalweni kwaye izimvo zabantu zahlukene.

“Kukho le mali ifunyanwa ngababafundi isisibonelelo sikarhulumente incinci kwayona, kodwa siyazama ukubacukucezela, abanye kubo bathatha yona bacuntsulele abazali babo logama abanye beyithatha baye kungena nayo kwindawo zentselo,”utsho uMfenyana.

Uthi ngenxa yoku kumele ukuba kwenziwe amacebo okuvala ukungalingani phakathi kwabantu abanokukwazi ukuhlawula nabo bangakwazi kuhlawula.

UMfenyana uthathe umhlala phantsi esebenza njengenqununu yeYunivesithi yaseWalter Sisulu kwaye uyazidla ngomsebenzi wakhe.

“Ndishiya sinombono wokuba siguqule intlalo yabantu sisebenzisa la maziko umzekelo sinomnqweno wokuguqula idolophu yase Monti, Gcuwa, Mthatha neKomani zibe zidolophu ezingamaziko emfundo ephakamileyo,” uthethe watsho uMfenyana.

Ikomishoni echola chola izimvo zoluntu malunga nokupheliswa kwentlawulo kumaziko emfundo ephakamileyo ijikeleza ilizwe loMzantsi Afrika ngeenjongo zokunika uluntu ithuba lokuba bafake izimvo zabo.