UNjingalwazi Mtuze uncoma amalinge okuvuselelwa kwesiXhosa

Xa ukhangela ababhali beli ababhale iincwadi ngolwimi lesiXhosa ukusukela ngoo1900 ukuza ku2000 awunakulichaza uligqibe ibali labo ungalibizanga igama likaNjingalwazi Peter Tshobisa Mtuze (75).

Ukusukela ngonyaka ka1958, le nzalelwane yaseMetele ibhale iincwadi ezingaphezu kwamashumi amathathu. Usiba lakhe lutyekeze ingqaka ukusukela ngoko ebhala iincwadi zamabali amafutshane, imidlalo, iinoveli, imbali ngobomi babantu nezinye.

Omnye wemisebenzi yakhe ephambili ibekukuguqula incwadi ebhalwe ngobomi buka- Nelson Mandela ethi “Indlela ende eya eNkululekweni” yena wayiguqulela esiXhoseni le ncwadi.

Incwadi yakhe ethi uDingezweni yenye yencwadi elithathe igama lakhe yaligibisela emajuku-jukwini ngenxa yobuqili abusebenzise ukubhala le ncwadi.

“Le ncwadi inguDingezweni yeyona ithandwe kakhulu ngabantu abafunde umsebenzi wam ngethuba bebengabafundi, kubo ndingabalula uNjingalwazi uLoyiso Nongxa nabanye,” utsho uMtuze.

Uthi eyona ncwadi ayithandayo kwiincwadi zakhe yileyo ithi uMdlanga kuba ibonisa umahluko phakathi kwendoda eyalukele endle naleyo yalukele esibhedlele.

Xa uqwalasela imibhalo yakhe ngokwahlukana kwayo ufumanisa ukuba ubhala ngenxa yokuqhutywa yinkxalabo ngomcimbi othile entlalweni.

Amaxesha amaninzi kwezi ncwadi usebenze nzima ezama ukubonisa umahluko phakathi kwentlalo yabantu abamnyama nokungenelela kwefuthe lase- Ntshona.

UMadiba uncoma ilinge lokuveliswa kwephepha ndaba elibhalwe ngolwimi lesiXhosa, exela I’solezwe lesiXhosa.

“Iinzame ezifana nezi zokuvuswa kwephephanda lesiXhosa ziinzame ezilungileyo zokugcina olu lwimi luphila, njengezinye iilwimi ezikhoyo kweli, masifundiswe sithethwe nokuthethwa isiXhosa,” utsho uMtuze.

Enye yeencwadi zakhe eyenze ukuba umsebenzi wakhe ungathandwa ngabo bangafuni kuthethwe inyaniso, yincwadi yakhe ethi “Iingada zibuyile ehlathini”.

“Kule ncwadi ndithetha ngexesha lokubuya kwabantu abebeselubhacweni, neenguqu eziye zakho elizweni loMzantsi Afrika jikelele, ndithetha ngolawulo lexesha lika- Nelson Mandela,Thabo Mbeki noJacob Zuma,” ucacisa atsho uMtuze.

Le ncwadi incoma umsebenzi omhle owenzeke ukubuya kwezi nkokheli elibhacweni, kodwa uMtuze akazifihli iimpazamo ezenzeke ngenxa yokubuya kwezi nkokheli zingena esikhundleni sokuphatha ilizwe.

“Uninzi alifuni nokuyibona le ncwadi kuba indlela endibhale ngayo apha andithandisi ndoda ndiveza izimvo zam, kuba nam kaloku bendiyile kati ibishiyeke apha ekhayeni ngoku bezimnkile iingada ukuya ehlathini,” ucacise watsho uMtuze.

Ubongoza abantu ukuba balandele imfundiso zikaSteve Biko ezifundisa ngokuzingca nokuzazi ukuze abantu bayeke ukudelela izinto ezizezabo.

UMtuze usebenze nje- ngetoliki enkundleni kamantyi eKaladokhwe waza kamva yasebenza njengomsasazi eRadio Xhosa ngo1969 (Mhlobo Wenene).

Lo kaMtuze uthi ufikele kwiingqanga ezifana noTheo Mcinga noGiven Ntlebi kwela jelo losasazo.

“Hayi andizange ndiwuthande lo msebenzi wokusasaza, ndakhawuleza ndayeka kuba impatho yayingentle konke ngalo maxesha, ubandlululo laluvutha umlilo, kukubi mfondini mani,” utsho uMadiba.

Ingqokelela yakhe yemibongo kwincwadi ethi uGadla isetyenziswe kaninzi kumabanga aphakathi kwizikolo zaseTranskie ngaloo maxesha.

“Abantu abatsha mabanikwe ithuba lokuba bavelise izimvo zabo ngezinto abazinqwenela ukuba zenziwe malunga nolwimi lesiXhosa ukuze bakhuthazeke ukusifunda nokusibhala”

UMtuze uthathe umhlala phantsi emva kokusebenza nje-ngentloko yesebe elijongene nemicimbi yeelwimi zaseAfrika kwiyunivesithi yaseRhodes eRhini ngonyaka ka2006.

Phambi koko usebenze njengomhleli oyintloko kwiyunivesithi yaseFort Hare kwiphulo lokuveliswa kwencwadsi nguqulelo yesi- Xhosa. Ukusukela ngonyaka ka1985 ukuya ku1988 ebesebenza njengomhlohli kwiyunivesithi yoMzantsi Afrika.

Uburharha bokusetyenziswa kolwimi lwesiXhosa yeyona nto igcina abafundi bakhe behlala benomdla kumsebenzi wakhe. Ugxeka ngamandla ubugangxa borhulumente okhoyo ngelithi kubangela ukuphela kweelwimi ezifana nesiXhosa.

“Awuzange uve kusithwa xa kungena ulawulo olutsha izinto ezindala ziyalahlwa, koko zisetyenziswa ukuxhobisa abo batsha bangenayo kuqhutyelwe phambili,”utsho uMtuze.

Eli gqala lihlala nenkosikazi yalo ekwangugqirha nayo uKhuthala Mtuze.