UNjingalwazi Saule

utyelele I’solezwe

Ingcali neNjingalwazi yolwimi lwesiXhosa kwiYunivesithi yaseNelson Mandela Metropolitan uNcedile Saule, uphokoze kuvimba wolwazi lwakhe olunzulu ngolwimi lwesiXhosa, ngethuba etyelele izakhiwo zephephandaba I’solezwe lesiXhosa eMonti izolo.

Injongo zotyelelo ibikukufuthelana ngolwazi phakathi kukaNjingalwazi uSaule kwakunye nababhali bephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Lo kaSaule ubhale incwadi eziphume izandla eziquka “iDinga” kunye no “Khozi Olumaphiko” nezinye ezininzi ezitsala umxhelo kwabo bazidlayo ngesiXhosa sabo.

“Zingaphezu kwamashumi amabini incwadi zohlobo lwenoveli esele ndizibhalile,” udlisele watsho uSaule.

Ubungqina bokuphuphuma kovimba wale ngwevu ngamagama amatsha athe wabelana ngawo nabahleli, abakhwezeli kunye nababhali bephephandaba I’solezwe lesiXhosa.

Ukanti le Njingalwazi income ityibela umsebenzi omhle kwanendima edlalwa leli phephandaba kuphuhliso lolwimi lwesiXhosa.

“Nidlala indima entle kakhulu kuphuhliso lolwimi lwesiXhosa, kwaye umgangatho wenu wokubhala uphucukile xa uthelekiswa nemihla yenu yokuqala ukubhala,” uncome watsho uSaule.

Kumagama amatsha namadala ekuxoxwe ngawo kule ndibano, uSaule ubonakalise ukuwamkela amanye wamagama amatsha eze noonondaba bephephandaba I’solezwe lesiXhosa. Uthe gqaba-gqaba ngeyona ntsingiselo yamagama afana nokuthwala, utywala, ukugqwetha, icawa namanye athe intsingiselo yawo yatshintsha.

“Ubusazi ukuba igama elithi inkazana ligama elisingisele kumntu wasetyhini ongazange adibane nendoda ngaphambili,” uzekelise watsho uSaule.

“Isinga lonxibelelwano [Facebook] ligama elilungileyo ukuchaza ezindlela zokunxibelelana zala maxesha, kwaye kuhle ukubona nisiza namagama amatsha oko kukukhulisa ulwimi,” utshilo uSaule.

Ubusazi ukuba elinye igama leKhompyutha yiNgqukunyembe, ngokuthiywa zizazi neengcali zesiXhosa?

siyabulela.mqikela@inl.co.za