UNkonyeni ubuyele eBhayi nembasa yeIkhamanga

UNomhle Nkonyeni nezihlobo zakhe bonwabele usuku lwakhe lokuzalwa nokufumana imbasa ye-Ikhamanga ngoMgqibelo, eNew Brighton Umfanekiso: Mpumelelo Matwa

MasingaBI nazintloni ukubalisa amabali ethu nalapho sisuka khona singabantu abantsundu.

La ngamazwi egqala lomlingisi kwiifilimu zikamabonakude nemidlalo yeqonga uNomhle Nkonyeni (77).

Oku ukuthethe ngoMgqibelo ngethuba amagcisa ommandla waseBhayi ebebambe indibano yomjemo ebhiyozela usuku lokuzalwa kwakhe kwanembasa ayifumene kumongameli welizwe uCyril Ramaphosa, kumsitho wokuwonga amaqhawe eli lizwe obubanjelwe kwibhotwe lendlu ehlala oomongameli belizwe iSefako Makgatho kule veki siyishiyileyo.

Bekuyinkungu nelanga ekhayeni lakhe zizizalwane nezihlobo nabanye abantu abasuka kwezinye iindawo zeli phondo bezokuvuyisana naye.

UNkonyeni uwongwe ngembasa yesilivere ebizwa ngokuba yiOrder of Ikhamanga kunye noDouglas Tyutyu oligqala lomzabalazo owongwe ngembasa ebizwa ngokuba yiOrder of Luthuli okwangumhlali kweli laseBhayi.

Uhambise wathi zininzi izinto ezehlele abantu emakhayeni nasemisebenzini behlukunyezwa ngabanye okanye yimithetho yocalulo, behlutywa isidima sabo ngoko bengenamthetheleli. Uthe mabangoyiki ukuchaza loo manyundululu, mabeze nawo ngaphambili aziwe kwaye adlalwe emaqongeni nakwiifilimu.

Uthe akothukanga ukuwongwa ngurhulumente kuba iimbasa nezinye izixhobo zokumbulela ngomsebenzi wakhe zithi mama, zithi tata kuye kuba zigcwalise iikhabhathi zakhe, watsho esithi ilishwa lale karhulumente ayinamali njengezinye aqhele ukuzifumana.

“Andingetsho ukuba singamagcisa asihlonitshwa ngurhulumente kuba noko uMphathiswa weSebe usasiphethe kakuhle, ingxaki yeyokuba asinikwa mawonga afana nalawa asemaBrithane ooSir noDame, bekufanele ngoku uthetha noDame Nkonyeni okanye uSir Tyutyu ngoku, qha akwenziwa njalo kweli.”

UMandla Gqamlana ongumtshana kaNkonyeni uthe uziva onwabile nangona engothukanga, watsho esithi umakazi wakhe akamelanga kuphela usapho lwabo, koko umele ulutsha nabadala ngokubanzi.